Uvuyo lwelungisa
1 Aa! Bayethe, Mhlekazi!
Hayi uyolo lomntu omthobelayo *uNdikhoyo,
oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.
2 Inzala yakhe iya kuba nobungangamsha elizweni;
isizukulwana samalungisa sothamsanqeleka.
3 Kweyakhe indlu yindyebo nobutyebi;
uya kuhlala esenza ubulungisa.
4 Yena uyawakhanyisela amalungisa;
unjengesibane ebumnyameni,
kuba unobubele, inceba, nokulunga.
5 Unethamsanqa umntu onika ngesisa,
lowo ungayiqhubi ngobuqhetseba imicimbi yakhe.
6 Ilungisa alisoze ligungqe,
laye lingasoze lilibaleke.
7 Iindaba ezimbi azilirhwaqelisi;
kaloku lomelele, kuba liqamele ngoNdikhoyo.
8 Alitatazeli, laye lingenadyudyu,
zide zoyisakale iintshaba zalo.
9 Lona linezinwe kumahlwempu;
liya kuhlala lisenza ubulungisa.
Ewe, liyahlonitshwa, futhi linesidima.
10 Abangendawo bathi bakuyibona le nto bakhathazeke;
bathwal’ umlomo bajijitheke bancame.
Ewe, iminqweno yabo ayizi nanto.