IINDUMISO 112

Uvuyo lwelungisa

1 Aa! Bayethe, Mhlekazi!

Hayi uyolo lomntu omthobelayo *uNdikhoyo,

oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.

2 Inzala yakhe iya kuba nobungangamsha elizweni;

isizukulwana samalungisa sothamsanqeleka.

3 Kweyakhe indlu yindyebo nobutyebi;

uya kuhlala esenza ubulungisa.

4 Yena uyawakhanyisela amalungisa;

unjengesibane ebumnyameni,

kuba unobubele, inceba, nokulunga.

5 Unethamsanqa umntu onika ngesisa,

lowo ungayiqhubi ngobuqhetseba imicimbi yakhe.

6 Ilungisa alisoze ligungqe,

laye lingasoze lilibaleke.

7 Iindaba ezimbi azilirhwaqelisi;

kaloku lomelele, kuba liqamele ngoNdikhoyo.

8 Alitatazeli, laye lingenadyudyu,

zide zoyisakale iintshaba zalo.

9 Lona linezinwe kumahlwempu;

liya kuhlala lisenza ubulungisa.

Ewe, liyahlonitshwa, futhi linesidima.

10 Abangendawo bathi bakuyibona le nto bakhathazeke;

bathwal’ umlomo bajijitheke bancame.

Ewe, iminqweno yabo ayizi nanto.