IINDUMISO 111

Izibongo zikaNdikhoyo

1 Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

*UNdikhoyo ndiya kumbonga ndiphelelise;

ewe, ndiya kumbonga ndikunye namalungisa ebandleni lakhe.

2 Ewe, mikhulu kambe imisebenzi kaNdikhoyo;

abayilangazelelayo bayayiphicotha bayiqondisise.

3 Imisebenzi yakhe inesidima nobungangamsha;

ubulungisa bakhe buhlala buhleli.

4 Yena uyasikhumbuza imisebenzi yakhe;

uNdikhoyo unobubele enesisa.

5 Uyabondla abo bamthobelayo;

yena akawulibali umnqophiso wakhe.

6 Abantu bakhe ubabonisile amandla akhe

ngokubabèla ilifa leentlanga.

7 Ewe, imisebenzi yakhe mihle, inyanisekile;

umntu angaqamela ngemimiselo kaNdikhoyo.

8 Ke yona iya kuhlala ihleli;

yamiselwa ngentembeko nokunyaniseka.

9 Abantu bakhe wabathi jize ngenkululeko,

waza wabamisela umnqophiso ongatshitshiyo.

Hay’ ubunyulu nobungangamsha begama lakhe!

10 Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.

Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.

Ewe, makadunyiswe nanini-nanini!