Izibongo zikaNdikhoyo
1 Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”
*UNdikhoyo ndiya kumbonga ndiphelelise;
ewe, ndiya kumbonga ndikunye namalungisa ebandleni lakhe.
2 Ewe, mikhulu kambe imisebenzi kaNdikhoyo;
abayilangazelelayo bayayiphicotha bayiqondisise.
3 Imisebenzi yakhe inesidima nobungangamsha;
ubulungisa bakhe buhlala buhleli.
4 Yena uyasikhumbuza imisebenzi yakhe;
uNdikhoyo unobubele enesisa.
5 Uyabondla abo bamthobelayo;
yena akawulibali umnqophiso wakhe.
6 Abantu bakhe ubabonisile amandla akhe
ngokubabèla ilifa leentlanga.
7 Ewe, imisebenzi yakhe mihle, inyanisekile;
umntu angaqamela ngemimiselo kaNdikhoyo.
8 Ke yona iya kuhlala ihleli;
yamiselwa ngentembeko nokunyaniseka.
9 Abantu bakhe wabathi jize ngenkululeko,
waza wabamisela umnqophiso ongatshitshiyo.
Hay’ ubunyulu nobungangamsha begama lakhe!
10 Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.
Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.
Ewe, makadunyiswe nanini-nanini!