Isikhalazo somntu osengxakini
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide.
1 Thixo wam endimncomayo,
ngani ukuba uthi cwaka,
2 ndimangalelwa nje zizikhohlakali namaxoki?
Kaloku bona bandirhintyela ngobuxoki;
3 bathetha izinto ezimasikizi ngam;
bandihlasela ndingenzanga nto.
4 Ndandibathanda ndibathandazela,
kodwa bandibuyekeza ngokundityhola.
5 Ukulunga kwam bakubuyekeza ngobubi;
uthando lwam balubuyekeza ngentiyo.
6 Mmisele isibhoja lo mfo;
misa ofana naye ematyaleni.
7 Ematyaleni makafunyaniswe onile,
nomthandazo wakhe mawumgwebe.
8 Imihla yakhe mayinqanyulwe;
indawo yakhe mayithathwe ngomnye.
9 Abantwana bakhe mababe ziinkedama,
umfazi wakhe abe ngumhlolokazi.
10 Abantwana bakhe mababe zizibhadu-bhadu ezingqibayo;
mabajikeleze bazingele ukutya nasemabhodlweni.
11 Ombamba ulutho wanga angamthimba;
amandla akhe makaxhatshazwe ngabasemzini.
12 Ngamana akungebikho bani uvelana naye,
angabikho ozisizelayo ezo nkedama.
13 Ngamana yaphanza nenzala yakhe,
igama lakhe lingaphindi likhankanywe.
14 Ngamana wabuxhiba *uNdikhoyo ububi booyise,
buhlale phambi kwakhe nobubi bukanina.
15 Ngamana wabugcina njalo uNdikhoyo obu bubi;
igama lakhe malicime kuthi tu emhlabeni.
16 Kaloku lo mntu zange abakhathalele abahlelekileyo nabaxakekileyo,
koko wabadobelela abacinezelwa.
17 Wayengumqalekisi, naye ke makaqalekiswe;
zange athamsanqele, naye ke makangakuzuzi.
18 Ukuqalekisa wayekunxiba njengempahla:
makuthi nca emzimbeni njengamanzi;
makugqobhozele emathanjeni njengamafutha.
19 Ewe, makube njengengubo ayambathayo;
mihla le makube yibhanti ayibhinqayo.
20 Ndikhoyo, esi mayibe sisohlwayo sâbo bandimangalelayo,
abo bathetha kakubi ngam.
21 Kodwa ke, Mhlekazi Ndikhoyo,
ndivelele ngenxa yegama lakho;
ndihlangule ngenxa yezibele zakho.
22 Kaloku ndihlelelekile, ndixakekile;
futhi ke ndixhelekile.
23 Ndithe shwaka ngokwesithunzi samarhatya;
ndivuthuluke ngokwesinambuzane.
24 Nditsho ndanengevane kukungatyi;
andibhityanga, ndingumcinga!
25 Iintshaba zam ziphoxisa ngam;
zakundibona zihlunguzel’ intloko.
26 Khawundincede, Ndikhoyo Thixo wam;
ndisindise ngokwezo zibele zakho!
27 Khawubethe baqonde ukuba nguwe lo,
nguwe ondihlangulayo, Ndikhoyo.
28 Mabathi bendiqalekisa nje, ube wena undithamsanqela;
bathi ntimfa ngehlazo abo bandihlaselayo.
Mna ke sicaka mandiphuphume yimincili.
29 Abandimangalelayo mabavathe ihlazo;
ewe, mabalithi wambu oku komnweba.
30 Ndiya kubhomboloza ndidumisa uNdikhoyo;
ndiya kumncoma phakathi kwezihlwele;
31 kuba yena uyamxhasa ohlelelekileyo,
amhlangule kwabo bamsingela phantsi.