Ukucela ukukhuselwa ezintshabeni
1 Awu, Thixo, ndizimisele ngokupheleleyo;
ewe ngenene, andithandabuzi;
ndiza kumemelela nditsholoze!
2 Ndosuka ndiqubul’ ihapu nekatala;
ewe, ndovuka xa kumpondo zankomo.
3 Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, *Ndikhoyo;
ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe.
4 Izibele zakho zibalasele ezulwini;
ukuthembeka kwakho kurhec’ amafu.
5 Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;
isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele.
6 Nceda ngamandla akho usivelele,
ukuze basinde abo ubathandayo.
7 UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,
wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,
ngoloyiso ndiyayihlahlela;
intili yeSukoti yona ndiyibenge.
8 IGiliyadi yeyam, noManase ngowam;
uEfrayim lelona xhadi lam;
uJuda ngumsimbithi wam.
9 UMowabhi yintili yam yebhongo;
ke yena uEdom ndiyambanga.
EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”
10 Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?
Ngubani onokundisa e-Edom?
11 Noko usilahlile, Thixo?
Akusaphumi nemikhosi yethu?
12 Sincedise ezintshabeni zethu;
kaloku olomntu uncedo luphuthile.
13 Ukuba uThixo ungakuthi, siya kuphumelela;
uya kuzinyhasha iintshaba zethu.