Izibele zikaThixo
Umhobe kaDavide.
1 Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!
Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!
2 Moya wam, mbonge uNdikhoyo,
ungaze uyilibale imisebenzi yakhe emihle nanini-nanini:
3 uloxolela zonk’ izono zam;
ulophilisa zonk’ izifo endinazo;
4 ulohlangula ubomi bam enzonzobileni,
andambese ngezibele nangenceba;
5 ulondenzel’ izintw’ ezintle ebomini,
ndihlale ndingumqaba-qaba njengokhozi.
6 NguNdikhoyo obonelela abacinezelweyo ubulungisa;
ewe, nguye obagwebelayo bonke ngokungenaxanasi.
7 Wamazisa icebo lakhe uMosis;
wawabonisa amaSirayeli amandla akhe.
8 UNdikhoyo unenceba nesisa;
uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele.
9 Kaloku akasolok’ engxolisa, yaye akananqala.
10 Akasohlwayi njengoko sifanelwe kukohlwaywa,
engaziphindezeli ngokwezigqitho zethu.
11 Kungangokuba kude kwesibhakabhaka emhlabeni
ukubalasela kwezibele zakhe kwabamhlonelayo;
12 ulogxoth’ izono zithi qelele kuthi
njengempumalanga nentshonalanga.
13 Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik’ imbeko.
14 Kaloku uyasazi into esiyiyo;
uyaqonda ukuba siluthuli.
15 Yen’ okokwakhe umntu uyafana nje nengca:
uyakhula, achume okwentyatyambo.
16 Suka uvuthuze won’ umoya,
iphephethek’ intyatyambo,
ingab’ ibekho kuloo ndaw’ ibikad’ ikuyo.
17 Ke zon’ izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;
uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,
18 kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhe
nabathobela imithetho yakhe.
19 UNdikhoyo ungqendev’ esihlalweni sakhe ebhotw’ ezulwini;
ulawulo lwakhe luqhakamshela ihlabathi liphela.
20 Mbongeni uNdikhoyo, nina zithunywa zakhe ezinamandla;
mbongeni, nina nibalasele ngokumthobela;
liphulaphuleni ilizwi lakhe.
21 Mbongeni, uNdikhoyo, nina mikhosi yezulu;
mbongeni, nina zicaka zakhe.
22 Nani zidalwa, khanimbonge nonke,
kuzo zonk’ iindaw’ alawula kuzo.
Nawe, moya wam, mbonge uNdikhoyo!