IINDUMISO 99

UThixo yingangalala

1 *UNdikhoyo ngukumkani, uyalawula;

mazimnike imbeko izizwe!

Ungqendeve esihlalweni engqongwe *zizithunywa ezimaphiko;

malingcangcazele ihlabathi!

2 UNdikhoyo yingangalala eZiyon;

ngumlawuli wazo zonk’ iintlanga.

3 Malidunyiswe ngumntu wonk’ igama lakhe elindilekileyo!

Kaloku yena nguyedwa okhethekileyo.

4 Wena kumkani, ngangalala, mthandi wokulungileyo;

nguwe owezisa ubulungisa kwaYakobi,

wawis’ izigwebo kakuhle ungenamkhethe.

5 Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu;

zikhahleleni ngasezinyaweni zakhe.

Kaloku yena unobungangamsha.

6 UMosis noAron yayingababingeleli bakhe;

uSamweli yayingomnye wababemnqula;

bonke bazibika kuNdikhoyo, wabeva.

7 Wayethetha nabo ekwintshinyela yelifu,

kuba babeyithobela imiyalelo nemithetho yakhe.

8 Ewe, Ndikhoyo, Thixo, wabeva abantu bakho;

wababonisa ukuba unguThixo oxolelayo,

kodwa ukwangoyohlwayayo intw’ embi.

9 Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu.

Mnquleleni entabeni yakhe eyodwa!

Kaloku ungcwele uNdikhoyo uThixo wethu.