UThixo yingangalala
1 *UNdikhoyo ngukumkani, uyalawula;
mazimnike imbeko izizwe!
Ungqendeve esihlalweni engqongwe *zizithunywa ezimaphiko;
malingcangcazele ihlabathi!
2 UNdikhoyo yingangalala eZiyon;
ngumlawuli wazo zonk’ iintlanga.
3 Malidunyiswe ngumntu wonk’ igama lakhe elindilekileyo!
Kaloku yena nguyedwa okhethekileyo.
4 Wena kumkani, ngangalala, mthandi wokulungileyo;
nguwe owezisa ubulungisa kwaYakobi,
wawis’ izigwebo kakuhle ungenamkhethe.
5 Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu;
zikhahleleni ngasezinyaweni zakhe.
Kaloku yena unobungangamsha.
6 UMosis noAron yayingababingeleli bakhe;
uSamweli yayingomnye wababemnqula;
bonke bazibika kuNdikhoyo, wabeva.
7 Wayethetha nabo ekwintshinyela yelifu,
kuba babeyithobela imiyalelo nemithetho yakhe.
8 Ewe, Ndikhoyo, Thixo, wabeva abantu bakho;
wababonisa ukuba unguThixo oxolelayo,
kodwa ukwangoyohlwayayo intw’ embi.
9 Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu.
Mnquleleni entabeni yakhe eyodwa!
Kaloku ungcwele uNdikhoyo uThixo wethu.