IKumkani yeekumkani
1 Mombeleleni ingoma entsha *uNdikhoyo!
Mombelel’ uNdikhoyo, hlabathi lonke!
2 Mombelelen’ uNdikhoyo, nibonge igama lakhe;
zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso.
3 Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;
zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.
4 Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu;
ufanelwe kukoyikwa ngaphezu *kwezithixo zonke,
5 kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,
kodwa yena uNdikhoyo wadal’ oomazulu.
6 Yena unobungangamsha nesithozela;
kukho isihomo nendili apho akhoyo.
7 Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;
mbongeni kuba unewonga namagunya.
8 Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;
sondezani amadini, ningene endlwini yakhe.
9 Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela;
malingcangcazele lonk’ ihlabathi phambi kwakhe.
10 Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani;
nguye olizinzisayo ihlabathi, aliyi kugungqa;
nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.
11 Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi;
gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;
12 makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo;
mayombele imithi emahlathini;
13 kuba uyeza uNdikhoyo;
uza kuligweba ihlabathi,
alilawule ngobulungisa,
azigwebe ngokomthetho izizwe.