Amandla kaThixo nobulwelwe bomntu
Umthandazo kaMosis, isicaka sikaThixo.
1 Usoloko ulikhaya lethu, wena Nkosi,
izizukulwana ngezizukulwana.
2 Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,
ubusel’ ukade unguThixo wena kwanini-nini.
3 Umbuyisela kwaseluthulini umntu, usithi:
“Buyela apho ubuvela khona, mntundini!”
4 Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,
lona liyafana nemini yezolo,
lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.
5 Uphephetheka njengephepha umntu;
uphela okobuthongo, abune njengengca,
6 yona iba luhlaza kusasa,
ithi kwakuhlwa ibe selintshwenyile.
7 Siyaphela kaloku yingqumbo yakho,
uyasigqiba umsindo wakho.
8 Izono zethu zaziwa nguwe,
nezifihliweyo zisekuhleni kuwe.
9 Uyinqumle imihla yethu ngenxa yomsindo,
yadlula ngathi kukuqhwanyaza.
10 Iminyaka yomntu iba ngamashum’ asixhenxe,
xa ngaba womelele ibe ngamashum’ asibhozo;
kodwa iza neenkxwaleko neentsizi,
imihla yethu ithi tshe iphele.
11 Ngubani owaziyo umsindo wakho;
ingubani oluqondayo unkwantyo oluza nengqumbo yakho?
12 Sifundise ukuyiqingqa imihla yethu,
ukuze sizuze ubulumko.
13 Yiba nebuyambo, *Ndikhoyo;
koda kube nini usifulathele?
Yiba nenceba kuthi zicaka zakho.
14 Sithululele izibele zakho kwangentseni,
size sonwabe, simemelele yonke imihla yobomi bethu.
15 Sithuthuzele kaloku wakuba usohlwayile;
sonwabe kangangoko ubusibandezele.
16 Bubonakalise ububele bakho kuthi zicaka zakho,
ukuze nesizukulwana sethu sisazi isihomo sakho.
17 Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!
Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;
ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu.