Ingoma yetheko
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; uvunywa njengalowa wamaGati.
1 Dandulukani ngovuyo, nibonge uThixo osikhuselayo;
memelelani nidumise uThixo kaYakobi.
2 Hlabelani nitsho ngohadi;
dlobani ngoncuthu lweehapu neekatala.
3 Vuthelani ixilongo ukuthwasa kwenyanga,
nasekuhlanganeni kwenyanga mhla ngetheko.
4 Kaloku lowo ngummiselo wakwaSirayeli,
lisiko loThixo kaYakobi.
5 Walenza langummiselo kwaSirayeli,
mhla wahlasela elamaJiputa.
Ndiva ilizwi endingaliqondiyo, lisithi:
6 “Ndawothula umthwalo owawusemagxeni enu,
zaxibilika iingobozi ezandleni.
7 Nakhala ngomhla wengxingongo, ndanihlangula;
ndaniphendula ndingabonakali ndisezindudumeni;
ndanivavanya emthonjeni waseMeribha.
8 “Ndathi sigqaleni isilumkiso sam, bantu bam;
Sirayeli, akwaba ubuya kundiva!
9 Ze ningamnquli *uthixo wesinye isizwe;
ongomnye eningamaziyo ze ningamnquli.
10 Ndim mna *Ndikhoyo uThixo wenu
owanikhuphayo kwelamaJiputa;
khamisani, mna ndiza kunifunza.
11 “Phi ke! Abantu bam zange baphulaphule;
abafunanga nokuva oku ngam.
12 Ndaza ke ndabayekela kwezo nkani zabo,
ukuze benze ngokuthanda kwabo.
13 Ngamana nandiphulaphula, bantu bam;
akwaba ubungandithobela, Sirayeli.
14 Bendingazigeqayo iintshaba zakho;
ewe, bendiya kuzinyhasha iintshaba zakho.
15 Abamthiyileyo uNdikhoyo bebeya kushwabana,
isigwebo sabo sibe ngumlibe.
16 Bendiya kunondla ngeyona-yona ngqolowa,
ndinanelise ngobusi obupholileyo.”