IINDUMISO 54

Ukucela ukukhuselwa ezintshabeni

Kumbhexeshi-kwayara; ikhatshwa ziintambula; umbongo kaDavide, ngexesha amaZiti exelela uSawule ukuba uDavide uzimele kuwo.

1 Ngegunya lakho ndisindise, Thixo;

ngamandla akho undikhulule.

2 Wuphulaphule umthandazo wam,

sive isikhalo sam, Thixo.

3 Iintlanga ziyandihlasela;

izikhohlakali zizungula ukundibulala.

Zona azimkhathalele nganto uThixo.

4 Kodwa ke umncedi wam nguThixo,

umxhasi wam nguMhlekazi.

5 Ngamana wayibuyisela kwasezintshabeni zam inkohlakalo yazo.

Zibhangise, kuba uthembekile wena.

6 *Ndikhoyo, ndilangazelela ukukwenzela umbingelelo.

Ndiyabulela kuwe, kuba wena ulungile.

7 Kuzo zonke iingxaki zam wena undihlangule;

ukoyiswa kweentshaba zam ndikubone ngamehlo.