IINDUMISO 49

Musa ukukholosa ngobutyebi

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakwaKora.

1 Phulaphulani, nonke zizwe!

Yivani, nonke bemi behlabathi!

2 Iindidi zonke maziphulaphule,

izityebi ngokunjalo namahlwempu!

3 Ngoku ndiza kuphokoza ubulumko,

iingcamango zam zizal’ ukuqiqa.

4 Ndiza kujongana nentsonkotha;

ndiza kuyichaza ngengoma yehapu.

5 Ndingoyika ntoni ngemihla yobubi,

xa ndingqongwe yinkohlakalo yabakhohlisi,

6 abantu abaqamele ngobutyebi,

abaqhayisa ngentabalala yobutyebi?

7 Umntu akanako ukusindisa umntu;

akanako ukunika uThixo ixabiso lobomi bakhe.

8 Nakanye! Kaloku ixabiso lobomi bomntu likhulu.

Alifikeleleki mpela-mpela

9 elo linokumenza abe sisimakade,

angaze alibone ingcwaba.

10 Uyabona, kaloku nezilumko ziyafa,

izidenge kwanezityhakala!

Ubutyebi babushiya kwabakhoyo.

11 Amangcwaba likhaya labo naphakade.

Baya kuhlala khona njalo-njalo,

nakuba babefudula benemihlaba ebizwa ngabo.

12 Umntu akanako ukukuphepha ukufa ngokuba esisinhanha.

Hayi bo! Uyatshabalala njengezilwanyana.

13 NĂ¢so ke isiphelo sabasweli-kuqonda,

abo bakhohliswa ziingcinga zabo.

14 Bamiselwe ukufa njengeegusha;

bona baxhatshazwa kukufa.

Bathi ngqo behlele engcwabeni,

onke amathambo abo avuthuluke,

kuba kaloku bona abasekho.

15 Ke mna ke, uThixo uya kundikhulula;

uya kundihlangula andithathele kuye.

16 Sukuxhala wakubona umntu ehluma,

wakubona ubutyebi bakhe bukhula.

17 Akanakuhamba nabo xa afayo;

ubutyebi buya kusala ngasemva.

18 Nakuba ebezicingela ukuba wonwabile ngokuya ebesaphila,

nokuba ebenconywa ngempumelelo,

19 wohamba aye kuhlala namanyange

angaze abonane nokukhanya.

20 Umntu osisinhanha, kodwa engenangqiqo,

uyafana nje nezilwanyana ezi zitshabalalayo.