IINDUMISO 46

UThixo ungakuthi

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakwaKora; iculo. Liculwa ngathi leliya lithi: “Amantombazana.”

1 UThixo ulihlathi nenqaba yethu;

ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile.

2 Ngoko ke asoyiki lutho, nokuba ihlabathi lingazama-zama,

nokuba iintaba zingaphoswa enzulwini yolwandle.

3 Hayi, amanzi alo angade agqume alephuze amagwebu,

iintaba zingcangcazeliswe kukulephuza kwawo.

4 Kukho umlambo omisinga isivuyisayo isixeko sikaThixo,

esilikhaya elingcwele likaPhezukonke.

5 UThixo uthe zinzi apho kuso.

Ngoko ke asinakuze sitshabalale,

kuba yena usinceda kwasekuseni.

6 Izizwe ziyaphithizela;

izikumkani ziyabhukuqwa.

Lakuhlokoma ilizwi lakhe

ihlabathi litsho linyibilike.

7 *UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;

ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.

8 Yizani nibone akwenzileyo uNdikhoyo.

Ewe, uliphanzisile ihlabathi.

9 Ngumaphelis’ iimfazwe ehlabathini jikelele.

Uyasiqoboza isaphetha,

awuvikive umkhonto,

amakhaka awantumek’ umlilo.

10 Uthetha ngelizwi athi:

“Phezani, ndim uThixo.

Ndizivelele izizwe;

nehlabathi ndilikrobele.”

11 UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;

ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.