1 Ngamana wandigwebela, Thixo.
Ewe, mandiphume phambili
ekumangalelweni ngabantu abakuchasileyo.
Ndihlangule kubantu abanamaqhinga nobuqhokolo.
2 Kaloku ùnguThixo endizimela ngaye.
Ngani ke ukuba undilahle?
Ngani ukuba ndihlale ndizibambe ngeenkophe
ngenxa yokubandezelwa ziintshaba?
3 Mandikhanyiselwe nguwe,
ndikhokelwe yinyaniso yakho.
Mazindise entabeni yakho engcwele,
endlwini elikhaya lakho.
4 Ke mna mandingene *esibingelelweni sakho,
wena Thixo ongumonwabisi wam.
Ndiya kubeth’ intambula ndintyiloze
ndidumise wena, Thixo – Thixo wam!
5 Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon’ ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.