Inkohlakalo yomntu nokulunga kukaThixo
Umhobe kaDavide isicaka *sikaNdikhoyo; kumbhexeshi-kwayara.
1 Isono esendele entliziyweni siyamngxolela umnt’ ogwenxa,
asuke angamoyiki uThixo.
2 Simthi lwale ngokuzikhohlisa
angaliboni isikizi lobubi baso.
3 Intetho yakhe ayilunganga; izele yinkohliso.
Selephelelwe nakukwazi ukwenza okulungileyo.
4 Xa esemandlalweni ucinga amacebo aphuthileyo,
azimisele ukuhamba ngendlela egwenxa,
angayityesheli inkohlakalo.
5 Kodwa zona izibele zakho, Ndikhoyo, ziye kuthi gaa ngamazulu,
nentembeko yakho yaya kuthi ngqu ngamafu.
6 Ukulunga kwakho akugungqi, kunjengentaba;
zinzulu njengolwandle zona izigqibo zakho.
Uyabanakekela abantu nezilo, wena Ndikhoyo.
7 Hayi izibele zakho, Thixo, ebantwini!
Oonyana babantu bazimela phantsi kwephiko lakho.
8 Baxhamla intlutha yendlu yakho;
ubaseze kumlambo wokulunga kwakho.
9 Wena ulithende lobomi;
ngokhanyiso lwakho sibona ukukhanya.
10 Mazinganqamki izibele zakho kubo bonke abo bakwaziyo,
uwabonelele amalungisa.
11 Mandinganyhashwa ngeenyawo ngabanolunya,
ndingantlithwa zizandla zabagwenxa.
12 Bawile daxa abantw’ abagwenxa;
bakhahlelwe phantsi, abavuka.