INgangalala yoKumkani
Umhobe kaDavide.
1 *LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk’ okukulo;
ndixel’ ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo.
2 Walisekela phezu kweelwandle;
walithi zinzi phezu kwayo imilambo.
3 Ngubani onganyukayo aye entabeni kaNdikhoyo;
ingubani oya kuthi gcobho endlwini yakhe?
4 Ngulow’ uzandla zimsulwa, untliziyo inyulu,
lowo ungazinquliyo izintw’ ezingento,
low’ ungafungiyo exoka.
5 Uya kumthamsanqela uNdikhoyo,
kuye kube chosi, kube hele,
kuba nguThixo umkhululi wakhe.
6 Sinjalo ke isizukulwana sabo bamfunayo,
abo bafuna ukubona uThixo kaYakobi.
7 Vulekani, masango;
vulekani, minyango yakudala,
angene uKumkani iNgangalala!
8 Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
NguNdikhoyo igorha elinamandla onke;
nguNdikhoyo onamandla onk’ edabini!
9 Vulekani, masango; vulekani, minyango yakudala,
angene uKumkani iNgangalala!
10 Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala.