IINDUMISO 16

Umthandazo wethemba

Ucamngco lukaDavide.

1 Ndikhusele kaloku, Thixo;

ndithembele ngawe.

2 Ewe, ndiyazibika, *Ndikhoyo; nguwe iNkosi yam;

ngaphandle kwakho, Mhlekazi, andinabani.

3 Kuba mna ulonwabo lwam luphakathi kwemilowo yakwaThixo;

nditsho leyo itshatsheleyo kweli hlabathi.

4 Bazandisel’ iintsizi abo bazinyulela *thixo wumbi.

Andiyi kuba nanxaxheba kumadini abo;

andiyi kubanqula ngomlomo wam oothixo babo.

5 Nguwe kuphela, Ndikhoyo, inxaxheba endiyabelweyo;

lisentendeni yesandla sakhw’ ibango lam.

6 Isabelo sam sisendaweni entle;

hayi ukuba lihle kwalo ilifa lam!

7 Mbongeni uNdikhoyo ngokuba endiphe icebo;

nesazela sam siyandiluleka ebusuku.

8 Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;

ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto.

9 Yiyo ke loo nto ndihleli ndichwayitile nje;

ngenene ndiziva ndikhuselekile.

10 Kaloku akuyi kundishiya enyanyeni ndide ndife;

akuyi kusiyeka sibole isicaka sakho esithembekileyo.

11 Wena undazisa iindlela zobomi;

kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.

Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.