Ukucela uncedo
Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.
1 Koda kube nini na, *Ndikhoyo, undilibele kwaphela?
Koda kube nini na ndingakuboni?
2 Koda kube nini na ndinomva-ndedwa,
ndinesingqala, ibuhlung’ imini yonke intliziyo yam?
Koda kube nini zindivuyelel’ iintshaba zam?
3 Bek’ iindlebe, Ndikhoyo, undive, Thixo wam.
Ndihlaziye, hleze ndilal’ ubuthongo bokufa,
4 hleze luthi lundoyisil’ utshaba lwam,
bachwayit’ ababandezeli, kuba ndoyisiwe.
5 Kodwa ndithembe uthando lwakho olungajikiyo;
ndochulumacha kuba uyandihlangula.
6 Ndombonga uNdikhoyo, kuba endiphethe ngobubele.