IINDUMISO 13

Ukucela uncedo

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1 Koda kube nini na, *Ndikhoyo, undilibele kwaphela?

Koda kube nini na ndingakuboni?

2 Koda kube nini na ndinomva-ndedwa,

ndinesingqala, ibuhlung’ imini yonke intliziyo yam?

Koda kube nini zindivuyelel’ iintshaba zam?

3 Bek’ iindlebe, Ndikhoyo, undive, Thixo wam.

Ndihlaziye, hleze ndilal’ ubuthongo bokufa,

4 hleze luthi lundoyisil’ utshaba lwam,

bachwayit’ ababandezeli, kuba ndoyisiwe.

5 Kodwa ndithembe uthando lwakho olungajikiyo;

ndochulumacha kuba uyandihlangula.

6 Ndombonga uNdikhoyo, kuba endiphethe ngobubele.