IINDUMISO 8

Ubungangamsha bukaThixo nesidima somntu

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uvunywa ngathi yilaa ngoma yamaGati.

1 *Ndikhoyo, Nkosi yethu,

hayi ukubaluleka kwegama lakho ehlabathini!

Wena uqaqambisa amazulu ngesithozela sakho,

2 nditsho abantwana kwaneentsana ziyakubonga,

nto leyo ibamisela umqobo abachasi

wokuvalela utshaba kwanomphindezeli.

3 Xa ndiqwalasela amazulu owenzileyo,

inyanga, neenkwenkwezi ezidalwe nguwe,

4 ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,

engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo?

5 Ngaphezu koko umenze wanganeno kancinane nje kuwe, Thixo;

umthe jize ngesihomo nesithozela.

6 Umnike igunya kuyo yonke indalo yakho,

wazibeka phantsi kwegunya lakhe zonk’ izinto:

7 iinkomo neegusha, kwanazo neenyamakazi;

8 iintaka eziphaphazelayo, neentlanzi,

nayo yonke into ephithizela elwandle.

9 Hayi ukubaluleka kwalo igama lakho ehlabathini liphela,

Ndikhoyo, Nkosi yethu!