Ubungangamsha bukaThixo nesidima somntu
Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uvunywa ngathi yilaa ngoma yamaGati.
1 *Ndikhoyo, Nkosi yethu,
hayi ukubaluleka kwegama lakho ehlabathini!
Wena uqaqambisa amazulu ngesithozela sakho,
2 nditsho abantwana kwaneentsana ziyakubonga,
nto leyo ibamisela umqobo abachasi
wokuvalela utshaba kwanomphindezeli.
3 Xa ndiqwalasela amazulu owenzileyo,
inyanga, neenkwenkwezi ezidalwe nguwe,
4 ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,
engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo?
5 Ngaphezu koko umenze wanganeno kancinane nje kuwe, Thixo;
umthe jize ngesihomo nesithozela.
6 Umnike igunya kuyo yonke indalo yakho,
wazibeka phantsi kwegunya lakhe zonk’ izinto:
7 iinkomo neegusha, kwanazo neenyamakazi;
8 iintaka eziphaphazelayo, neentlanzi,
nayo yonke into ephithizela elwandle.
9 Hayi ukubaluleka kwalo igama lakho ehlabathini liphela,
Ndikhoyo, Nkosi yethu!