IINDUMISO 7

Ukuthandazela ukuncedwa kwelungisa

Isililo sikaDavide awasivumela *uNdikhoyo ngenxa kaKushe wesizwe sakwaBhenjamin.

1 Thixo wam, Ndikhoyo, ndithembele ngawe!

Ndihlangule, undisindise kubo bonk’ abandileqayo,

2 hleze bandiqwenga-qwenge njengengonyama,

bandiqangqulule ndibe zizijungqe ndingenamhlanguli.

3 Thixo wam, Ndikhoyo,

ukuba kukho nto ndiyenzileyo kwezi zinto:

ukuba kukho bani ndimonileyo,

4 nokuba ndingcatshe umhlobo wam,

okanye ndifumane ndalwenzakalisa utshaba lwam,

5 malundileqe ke lundifumane utshaba,

lundinqumle, ndife kube kanye,

lundishiye apho ndilutywantsi.

6 Khalima ngomsindo, Ndikhoyo;

undithethelele kule ngqumbo yeentshaba zam.

Thixo wam, vuka undincede;

kaloku wena ufuna kugwetywe ngobulungisa.

7 Mazibizwe zonke izizwe zikungqonge,

ungqendeve esihlalweni sakho phezu kwazo.

8 NguNdikhoyo umgwebi wabo bonk’ abantu.

Ligwebe ityala lam ke, Ndikhoyo,

bucace ubulungisa bam, kucace ukuba ndimsulwa.

9 Phelisa inkohlakalo yabantw’ abagwenxa,

uwazimase amalungisa, wena Thixo othand’ ukulunga,

ogocagoca iintliziyo neengcinga zabantu.

10 Likhaka lam uThixo,

uyabakhusela abantw’ abathand’ ukulunga.

11 UThixo ngumgwebi olilungisa;

unguThixo ocatshukisw’ imihla nezolo.

12 Ukuba abazohlwayi abantu

wolirhola ikrele lakhe elibukhali uThixo.

Selesityedile isaphetha sakhe, wema kuhle;

13 uzikhuphile esingxotyeni sazo izikhali,

wajolisa ngeentolo ezinomlilo.

14 Khangela, umnt’ ogwenxa ukhawula ukungcola,

amith’ ubumenemene, azal’ ubuxoki.

15 Umba umhadi onzulu,

ajike eyele kwakuloo mgibe awenzileyo;

16 urhintyelwa kwabubumenemene bakhe,

isikhuni sibuye nomkhwezeli.

17 Ndiyambulela uNdikhoyo ngenxa yobulungisa bakhe.

Ndisaya kumbonga uNdikhoyo uPhezukonke.