IINDUMISO 6

Ukucela uncedo engxakini

Umhobe kaDavide, kumbhexeshi-kwayara; uhlatyelwa ngeentambula; ngelizwi lebhasi.

1 Uze ungandikhalimeli unomsindo, *Ndikhoyo;

ungandohlwayi uqumbile.

2 Yiba nenceba kum, Ndikhoyo, kuba ndityhafile;

ndomeleze, Mhlekazi, ndiphelelwe.

3 Ndihleli ndinexhala elibi;

koda kube nini kodwa kunje, Ndikhoyo?

4 Yiza, Ndikhoyo, undihlangule;

ndikhulule ngenxa yothando lwakho olungajikiyo.

5 Kaloku akusekho kukukhumbula kwabafileyo;

akukho bani unokukudumisa engcwabeni.

6 Sendide ndatyhafa sisingqala;

ubusuku ngobusuku ndiyantywizisa;

umqamelo umanzi tixi ziinyembezi.

7 Atyhumfutyhumfu amehlo am kukulila;

sekude kwanzima nokujonga.

Ndinje nje nje kungenxa yeentshaba zam.

8 Sukani kum, nonke nina mathol’ esihulu-hulu!

Kaloku uNdikhoyo usivile isingqala sam.

9 Ukuvile ukubongoza kwam,

wawuphulaphula umthandazo wam.

10 Ziya kudana, zidideke zonk’ iintshaba zam;

ziya kujika ngephanyazo, ziphoxekile.