Umthandazo wokucela uncedo ngokuhlwa
Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uphelekwa ngeentambula.
1 Ndiphendule ndakukhala kuwe,
Thixo, mlondolozi wamalungelo am!
Wandikhulula embandezelweni yam;
yiba nenceba ke ngoko, uwuve umthandazo wam.
2 Bantundini, koda kube nini na nindihlazisa?
koda kube nini nithand’ ilize, niphuthaphuth’ ubuxoki?
3 Yazini ke ukuba *uNdikhoyo uyabathand’ abantu bakhe;
uyandiva xa ndizibika kuye.
4 Xa niqumbileyo, ze ningoni;
loo nto yetyiseni nithe cwaka kwiimandlalo zenu.
5 Menzeleni amadini alungileyo,
nikholose ngaye uNdikhoyo.
6 Baninzi abalangazelela okulungileyo.
Ndikhoyo, sikhangele ngobubele,
7 usiphe ukuchulumacha okudlula okwâbo
bakufumana ngomdliva wengqolowa newayini.
8 Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;
nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.