UYOBI 12

UYobi: Ngubani ongàzaziyo ezi zinto?

1 Ke uYobi waphendula wathi:

2 “Inene, ningabona bantu;

ibe ke nobulumko buya kufa nani!

3 Kambe ke nam ndinengqondo njengani;

anindidluli nganto.

Kakade ke nithi ngubani ongàzaziyo ezi zinto?

4 “Mna ndiyakhala kuThixo, aze andiphendule;

kodwa ngoku sendiyintlekisa nakwizihlobo zam –

ewe, ilungisa lomfo ongenabala,

kambe ke namhlanje ndisisigculelo!

5 Oseshweni uyadelwa ngabathe zava;

ogxadazelayo uyakhatywa!

6 Kukho ulonwabo ezindlwini zezikrelemnqa;

abamqumbisayo uThixo bakhuselekile;

nditsho abo bacingayo ukuba uThixo usezandleni zabo.

7 “Kodwa ke khanibuze nakwiinyamakazi, ziya kunifundisa;

nibuze nasezintakeni, zinixelele.

8 Khaningqawe ulwazi nakwizilo zomhlaba, ziya kuninika;

ninkinkqe ukuqonda nasezintlanzini elwandle, ziya kuniphokozela.

9 Phakathi kwazo akukho ungaqondiyo ukuba le nto yenziwe *nguNdikhoyo.

10 Kaloku zonke izinto eziphilayo zisesandleni sakhe,

nobomi boluntu lonke buxhomekeke kuye.

11 Kaloku kwanjengokuba umlomo usiva ubunjani bokutya,

nendlebe ke iyawaphicotha amazwi.

12 Ubulumko buyafumaneka kwiingwevu;

ke bona ubudala buza namava.

13 “Kanti ke yena uThixo unobulumko namandla,

amacebo nengqiqo.

14 Into ayiqhaqhileyo akukho mntu unokubuya ayakhe;

ngokunjalo nomntu amvaleleyo akukho ungamvulelayo.

15 UThixo akuwavalela amanzi kuyabalela;

kanti ke akuwavulela kutsho kube ziimpuphuma.

16 Ukomelela noloyiso lolwakhe,

kanti ke nabakhohlisi ngokunjalo nabakhohliswa basesandleni sakhe.

17 Yena amaphakathi uwatsho ancitheke,

nabagwebi abatsho babe ziimpanga-mpanga.

18 Uyawakhulula amakhamandela aqhotyoshwe ngookumkani,

aze bona ngokwabo abanxibise umbhinqo wamabanjwa.

19 Ababingeleli ubatsho baphoxeke,

aze wona amakhwahla awakhiqe.

20 Amaciko athenjiweyo uwatsho abhibhidle;

aze ayiphuthise nengqiqo yamadoda amakhulu.

21 Amatshawe uwahlaza ngendelelo;

ke zona iingwanyalala uzihlutha izixhobo.

22 Utyhila izinto ezifihlakele ezinzulwini zobumnyama,

nobona bumbonde-mbonde abujike bube kukukhanya.

23 Uyazikhulisa izizwe, abuye azivuthulule;

azithi jize ngobungangalala, abuye aziyekele zithinjwe.

24 Iinkokheli zezizwe uzitsho zibe zizithwanga-thwanga,

zifathule zibhadula enkangala.

25 Ngoko ke ziphutha-phutha ebumnyameni, kungekho kukhanya;

zigxadazele njengamanxila.