UESTERE 10

Ubuhandiba bukaModekayi

1 Ke kaloku ukumkani uAsuwerosi wamisela irhafu kulo lonke ilizwe lombuso wakhe, wada wee xhaxhe ngeziqithi zolwandle.

2 Yonke ke imisebenzi yakhe nobungangamsha bakhe, ndawonye nengcombolo epheleleyo ngobuhandiba bukaModekayi obo wanyuselwa kubo ngukumkani, xa kukonke, nâko kubhalwe encwadini yeembali zookumkani bamaMedi namaPeshiya.

3 Ke uModekayi umJuda apho kuloo mbuso wayelisekela likakumkani uAsuwerosi, engobalaseleyo phakathi kwamaJuda, exatyiswe gqitha ngamawabo amaJuda. Kaloku yena wayesebenzela inkqubela yabantu bakowabo, eyimele intlala-kahle yamawabo.