2 YEZIGANEKO 27

UYotam ukumkani wakwaJuda

1 UYotam waqala ukulawula eneminyaka engamashumi amabini anantlanu, waza ke wangukumkani eJerusalem iminyaka elishumi elinesithandathu. Unina yayinguJerusha intombi kaZadoki.

2 Naye njengoyise u-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, kambe akaxelisanga uyise ngokungena endlwini kaNdikhoyo. Kambe ke bona abantu abaziyekanga iindlela zabo zokonakala.

3 UYotam wabuya walakha iSango laseNtla lendlu kaNdikhoyo, kananjalo wenza umsebenzi omkhulu eludongeni kwinduli yeOfeli.

4 Wakha iidolophu kwiinduli zelakwaJuda, ngokunjalo neenqaba neemboniselo kwimimandla yamahlathi.

5 UYotam walwa nabo ookumkani bama-Amon waboyisa. Ngaloo nyaka ke ama-Amon arhuma kuye isiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu namakhulu amane, newaka leetoni zengqolowa, kwakunye newaka leetoni zerhasi. Enjenjalo ukurhuma ke ama-Amon iminyaka yada yamithathu.

6 UYotam wakhula ngobungangamsha, kuba kaloku wayebambelele ngokupheleleyo kuNdikhoyo uThixo wakhe.

7 Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYotam, kwakunye neemfazwe awazilwayo, nemisebenzi yakhe, nâzo encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda.

8 Waqala ukulawula enamashumi amabini anantlanu, waza ke walawula ishumi elinesithandathu leminyaka.

9 UYotam ke waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide. Ke uAhazi unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.