1 YEZIGANEKO 20

Ukuthinjwa kweRabha

1 Ke kaloku uJowabhi waphuma nawo umkhosi wakowabo ngexesha lentlakohlaza, ithuba abadla ngokulwa iimfazwe ngalo ookumkani. Walibhuqa walivuthulula elama-Amon, waza waya kungqinga iRabha. Ke yena uDavide wayeshiyeke eJerusalem.NeRabha leyo wayihlasela uJowabhi, wayishiya ingamabhodlo.

2 UDavide wasothula isithsaba esasisentloko yokumkani wama-Amon.Sasibunzima bumalunga namashumi amathathu anantlanu eekhilogram, senziwe ngegolide, sihonjiswe ngamatye axabisekileyo. UDavide wasithweswa eso sithsaba. Wathatha amaxhoba amaninzi kweso sixeko,

3 abemi balapho wabathatha wabafaka emsebenzini wokusarha, nowokumba, nokucanda. Wenjenjalo ke uDavide nakwabanye abemi bezixeko zama-Amon. Emva koko uDavide wabuyela eJerusalem kunye nomkhosi wakhe wonke.

Imfazwe namaFilistiya

4 Ekuhambeni kwethuba amaSirayeli alwa namaFilistiya eGezere. Ngelo thuba ke uSibhekayi umHusha wabulala uSipayi ongomnye wenzala kaRafa; aza ke amaFilistiya oyiswa.

5 Kwelinye idabi namaFilistiya uEl-hanani, unyana kaJayire, wabulala uLami owayengumntakwabo-Goliyati umGati, lowa wayenomkhonto ongangesibonda.

6 Kanti ke kwelinye idabi elaliwa eGati, kwakukho ingxilimbela yomfo otsho ngeminwe emithandathu ezandleni zozibini nasezinyaweni zombini, ingamashumi amabini anesine iyonke. Naye wayeyinzala kaRafa.

7 Wathi esahlekisa ngamaSirayeli wasuka wabulalwa nguJonatan unyana kaShimeya umntakwabo-Davide.

8 Esi ke yayisisizukulwana sikaRafa eGati. Kambe ke bawela ezandleni zikaDavide nomkhosi wakhe.