1 YEZIGANEKO 3

Oonyana bakaDavide

1 Naba oonyana abathandathu bakaDavide abazalelwa eHebron ngokuzana kwabo: uAmnon onina inguAhinowam waseYizereli; uDaniyeli onina inguAbhigeli waseKarmele;

2 uAbhasalom ozalwa nguMahaka, intombi kaTalmayi ukumkani waseGeshuri; uAdoniya ozalwa nguHagiti;

3 uShefatiya onina inguAbhitali; noItram onina inguEgla.

4 Bobathandathu aba bazalelwa eHebron, apho uDavide wayelawula khona iminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.

Emva koko uDavide waba neminyaka emashumi mathathu anantathu elawula eJerusalem

5 apho wazala oonyana abaninzi khona. Umkakhe uBhashebhaintombi ka-Amiyeli wazala uShimeya, noShobhabhi, noNatan, noSolomon.

6 Abanye nguIbhare, uElishuwa, uElifelete,

7 uNoga, uNifege, uYafiya,

8 uElishama, uEliyada, noElifelete, belithoba bebonke.

9 Aba ke ngoonyana bakaDavide, ngaphandle kwabo bamaqadi. Udade wabo nguTamare.

Ookumkani bakwaJuda

10 Unyana kaSolomon nguRewobhowam; unyana kaRewobhowam nguAbhiya; unyana ka-Abhiya nguAsa; unyana ka-Asa nguYoshafati;

11 unyana kaYoshafati nguYoram; unyana kaYoram nguAhaziya; unyana ka-Ahaziya nguYowashe;

12 unyana kaYowashe nguAmaziya; unyana ka-Amaziya nguAzariya; unyana ka-Azariya nguYotam;

13 unyana kaYotam nguAhazi; unyana ka-Ahazi nguHezekiya; unyana kaHezekiya nguManase;

14 unyana kaManase nguAmon; unyana ka-Amon nguYosiya.

15 Oonyana abane bakaYosiya ngokuzana kwabo nguYohanan, uJoyakim, uZedekiya, noShalum.

16 Abangene ezihlangwini zikaJoyakim ngunyana wakhe uJoyakinyaza yaba nguZedekiya.

Inzala kaJoyakin

17 Nantsi inzala kaJoyakin owathinjwayo: Oonyana bakaJoyakin nguShelatiyeli,

18 noMalkiram, noPedaya, noShenazare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.

19 Oonyana bakaPedaya nguZerubhabheli noShimeyi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benodade wabo uShelomiti,

20 kwakunye nesinye isihlanu soonyana: uHashubha, uOheli, uBherekiya, uHasadiya, noYushabhi-rhesedi.

21 Oonyana bakaHananiya nguPelatiya noJesaya; ewe, noonyana bakaRefaya, nabaka-Arnana, nabakaObhadiya, nabakaShekaniya.

22 Oonyana bakaShekaniya nguShemaya noonyana bakhe: uHatushe, uIgali, uBhariya, uNeyariya, noShafati, bebathandathu bebonke.

23 Oonyana bakaNeyariya bathathu: nguEliyohenayi, uHezekiya, noAzerikam.

24 UEliyohenayi yena wayenoonyana abasixhenxe: uHodaviya, uEliyashibhi, uPelaya, uAkubhi, uYohanan, uDelaya, noAnani.