UYOSHUWA 16

Ummandla owabelwa uEfrayim kunye noManase

1 Umda ongezantsi womhlaba owabelwa inzala kaJosefu wawuqala eJordan kufuphi neJeriko, kwindawo eyayikwicala langasempumalanga yemithombo yaseJeriko, wenjenjeya ubhekisa ngasentlango. Wasuka eJeriko walityhutyha eleentaba ukusa eBhetele.

2 Ukusuka eBhetele (ekwakuthiwa yiLuzi) wadlulela eAtaroti, apho ayemi khona ama-Arki.

3 Wehla wajonga ngasentshona kummandla wamaYafeleti, waya kuma kummandla waseBhete-horon engasezantsi. Wedlula apho ujonge eGezere, waya kuma ngolwandle.

4 Lo mhlaba waba lilifa lenzala kaJosefu, izizwe zakwaEfrayim noManase.

UEfrayim

5 Nanku ummandla wezindlu zakwaEfrayim: Umda wabo wawusuka eAtaroti-adare ubheke ngasempumalanga eBhete-horon ekumantla,

6 usuke apho uye kutsho elwandle. Ngasemantla apho yayiyiMikemetati, kuthi ngasempumalanga yalapho ujike umda ujonge iTanati-shilo, udlule apho kwangasempuma yalapho, ujonge eYanowa.

7 Ukusuka apho uyehla ubheke eAtaroti naseNara, ugqithe eJeriko, uye kuma ngeJordan.

8 Apho umda wawucanda ngasentshonalanga ukusuka ngaseTapuwa, ubheke kwintlambo iKana, uye kuma ngolwandle. Nguwo ke lowo umhlaba owaba lilifa lezindlu zesizwe sakwaEfrayim.

9 Iidolophu neelali ezazikwimida yakwaManase zanikwa uEfrayim.

10 Abazange bawagxothe amaKanana awayemi eGezere.Ahlala ke namaEfrayim kwada kwakaloku amaKanana, kodwa ĂȘnza umsebenzi ngokunyanzelwa.