AmaSirayeli ngezindlu zawo
1 Nantsi imiyalelo eyanikwa uMosis noAron *nguNdikhoyo:
2 “Kolu hambo lwenu apho nimisa khona hlalani ngolu hlobo: Indoda nganye mayime kummandla wembasa yakowayo phantsi kwentshinga kayise. Ukuma kwawo amaSirayeli makajikeleze isibingelelo.
3-9 “Kwicala lasempuma kuya kuma abembasa yendlu kaJuda ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:
AbakwaJuda uNashon ka-Aminadabhi 74 600
AbakwaIsakare uNataniyeli kaZuware 54 400
AbakwaZebhulon uEliyabhi kaHelon 57 400
Bebonke: 186 400
AbakwaJuda ke baya kusuka kuqala.
10-16 “Kwicala langasezantsi kuya kuma abembasa yendlu kaRubhen ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:
AbakwaRubhen uElizure kaShedeyure 46 500
AbakwaSimon uShelumiyeli kaZurishadayi 59 300
AbakwaGadi uEliyasafu kaDuweli 45 650
Bebonke: 151 450
AbakwaRubhen ke baya kulandela.
17 “Ke bona abakwaLevi baya kuhamba bephethe intente *yesibingelelo. Baya kuhamba phakathi embindini wezi zindlu xa zizonke. Onke amaqela aya kuhamba kwangalaa ndlela abemi ngayo, iqela ngalinye phantsi kwembasa yalo.
18-24 “Kwicala lasentshona kuya kuma abembasa yendlu kaEfrayim ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:
AbakwaEfrayim uElishama ka-Amihudi 40 500
AbakwaManase uGamaliyeli kaPedazure 32 200
AbakwaBhenjamin uAbhidan kaGidiyoni 35 400
Bebonke: 108 100
Kolo ludwe ke abakwaEfrayim boba ngabesithathu.
25-31 “Kwicala langasentla kuya kuma abembasa yendlu kaDan ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo:
AbakwaDan uAhizere ka-Amishadayi 62 700
Abakwa-Ashere uPagiyeli kaOkran 41 500
AbakwaNafetali uAhira kaEnan 53 400
Bebonke: 157 600
Kolu ludwe ke bona abakwaDan baya kuba ngumsila.”
32 Lilonke ke inani lamaSirayeli âbhalisáyo apho kuloo maqela laba ngamakhulu amathandathu anantathu amawaka anamakhulu amahlanu namashumi amahlanu.
33 Ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis bona abaLevi abakho kweli nani lamaSirayeli.
34 Ngoko ke amaSirayeli yonke into ayenza ngokwelizwi likaNdikhoyo kuMosis. Ayesima ngokweembasa zawo, aze ahambe ngokwemizi yawo.