EYONQULO 20

Isohlwayo sokungathobeli

1 *UNdikhoyo wathi kuMosis

2 makathi kumaSirayeli: “Nabani na kuni, nokuba ngumntu wasemzini ohlala phakathi kwenu, othe wanikela ngomntwana wakhe ukuba kunqulwe ngaye uMoleki, loo mntu makaxulutywe ngamatye ngumzi uphela.

3 Loo mntu ndiya kumchasa, ndingabi sambalela ebantwini bam, kuba umntu onikezela ngomntwana wakhe kunqulo lukaMoleki uxabhele *isibingelelo sam walinyelisa negama lam elingcwele.

4 Xa ke umzi uthe awayihoya loo nto ayenzilyo loo mntu, uze ke ungàmbulali,

5 mna okokwam ndomsukela loo mntu, kunye nendlu yakhe, kwakunye nabo bonke abazibandakanya naye ekungathembekeni kum banqule uMoleki. Ndobasika kubantu bam abo bantu.

6 “Umntu oya kuvumisa kubantu abeva ngababhubhileyo ndomfulathela, angabi saba ngumntu wam.

7 Hlalani nizahlulele mna, nibe ngcwele, kuba kaloku ndinguNdikhoyo uThixo wenu.

8 Imimiselo yam yithobeleni, kuba kaloku ndinguNdikhoyo, ndaye ndinebango ngani, ndim onenza nahluke.

9 “Wonke umntu othuke uyise nokuba ngunina makabulawe;kaloku nguye ngenkqu unobangela wokubulawa kwakhe.

10 “Indoda ethe yakrexeza nomfazi womwayo ongumSirayeli mayibulawe kunye naloo mfazi.

11 Indoda ethatha isondo komnye wabafazi bakayise ihlazisa uyise, yaye mayibulawe kunye naloo mfazi. Ngabo ngokwabo unobangela wokubulawa kwabo.

12 Indoda ethatha isondo kumolokazana wayo kufuneka ibulawe kunye naloo molokazana wayo. Benze inyala kaloku; ke ngabo ngenkqu unobangela wokufa kwabo.

13 Indoda elala nenye yenza inyala kunye naloo ndoda ilala nayo. Mababulawe bobabini; yaye ityala lokubulawa kwabo likubo.

14 Indoda ethathe umfazi, ize ithathe nonina waloo mfazi imenze umkayo, benze isikizi bobathathu, yaye kufuneka batshiswe bonke; into enjalo mayingenzeki phakathi kwenu.

15 Umntu owenza amanyala kunye nesilwanyana kufuneka abulawe kunye neso silwanyana.

16 Umfazi olinga ukwenza inyala lokulala nesilwanyana makabulawe kunye neso silwanyana. Lityala labo ukubulawa kwabo.

17 “Indoda ethatha udade wayo imenze umfazi, nokuba yintombi kayise okanye yintombi kanina, kufuneka yona naloo mfazi bagxothwe phakathi kwabemi bomzi. Kaloku imnyelisile udade wayo; ke inetyala.

18 Indoda ecela isondo kumfazi osexesheni kufuneka ikhutshelwe ngaphandle komzi kunye naloo mfazi; kaloku bobabini benze intlondi, *banomlaza.

19 “Indoda mayingaceli isondo kudade boyise okanye kudade bonina; yakwenjenjalo yenza inyala elingumbulo kunye naye; bobabini banetyala.

20 Indoda ethatha isondo kunina omncinci inyelisa uyise-mncinci, yaye yona kunye naloo mfazi kufuneka bohlwaywe; abakuba nanzala bobabini.

21 Indoda ethatha umka-mntakwayo yenza amanyala; ayiyi kuba nanzala, naloo mfazi akayi kuzala; baya kufa benjalo. Kaloku indoda leyo imnyelisile umntakwabo.

22 “Ze niyigcine imimiselo nemithetho yam,” waqhuba watsho uNdikhoyo, “khon’ ukuze ilizwe laseKanana, endinisa kulo, linganibukuli.

23 Amasiko ezo ntlanga endiza kuzikhupha kwelo zwe, ze kungene nina, maze ningawathathi. Zinezothe kum ngenxa yemikhwa yazo.

24 Ke nina ndanithembisa lo mhlaba wazo ulinqatha, uchumayo, ukuba ndoninika wona niwume. Kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye ndinahlule kwezinye izizwe.

25 Kufuneka ke ngoko nicalule phakathi kweenyamakazi ezityiwayo nezingatyiwayo, naphakathi kweentaka ezityiwayo nezingatyiwayo. Ningazityi ezo zingatyiwayo. Kaloku ndithe azityiwa; ke xa nithe nazitya noba nomlaza.

26 Kufuneka nizahlulele mna, nibe ngabam ndedwa, kuba kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye mna ndahlukile. Ndanahlula kwezi ntlanga, ukuze nina nibe ngabam ndedwa.

27 Indoda nokuba ngumfazi ovumisa ngabantu ababhubhileyo kufuneka axulutywe ngamatye afe. Loo mntu wenza loo nto ufa ngetyala lakhe.”