EYONQULO 12

Ukuhlanjululwa kwamakhosikazi emva kokubeleka

1 *UNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo

2 ukuba ayigqithisele kumaSirayeli: Umdlezana emva kokubeleka inkwenkwe woba *nomlaza iintsuku ezisixhenxe, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni.

3 Ngosuku lwesibhozo usana olo kufuneka lwaluswe.

4 Kodlula amashumi amathathu anantathu eentsuku ngaphambi kokuba loo mdlezane ahlambuluke ekopheni. Kufuneka angaphathi nanye into eyahlulelwe uThixo, angasondeli nokusondela *esibingelelweni kude kuphele ixesha lokuhlanjululwa kwakhe.

5 Umdlezana emva kokubeleka intombazana woba nomlaza iintsuku ezilishumi elinane, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni. Kodlula amashumi amathandathu anantandathu eentsuku ngaphambi kokuba ahlambuluke ekopheni.

6 Lakufika ixesha lokuhlanjululwa kwakhe, nokuba ebebeleke inkwenkwe okanye intombazana, kufuneka ase itakane elinonyaka kumbingeleli ekungeneni kwesibingelelo, eliza kuba lidini elitshiswayo, kunye nevukuthu okanye ihobe lokwenza idini lokucamagushela isono.

7 Umbingeleli wolinikela idini elo kuNdikhoyo, aze loo mdlezane ahlambuluke ekopheni. Nantso ke into emayenziwe ngumdlezana, nokuba ubeleke inkwenkwe okanye intombi.

8 Ukuba loo mdlezana akanako ukuzisa itakane, makeze namahobe amabini okanye amavukuthu amabini.Elinye loba leledini elitshiswayo, elinye libe lelokucamagushela isono. Ngokwenjenjalo umbingeleli uya kumcamagushela, aze loo mdlezana ahlambuluke.