1 KAYOHANE 1

ULizwi uSobomi

1 Ndibhala ndinibalisela ngoLizwi uSobomi, owayekho kwasekuqaleni. Sasithetha naye, simbona ngamehlo, simbukela, sigudlana naye ngamacala.

2 Uthe akuvela sambona. Yiyo ke le nto ndinibaliselayo ngaye, ndinixelela ngaye uSobomi owayehleli ekho kunye noYise kwasekuqaleni, node wabonakala nakuthi.

3 Nani ke sinixelela ngesimbonileyo, sathetha naye, khon’ ukuze nani nibuxhamle nathi ubudlelane esinabo kunye noYise noNyana wakhe uYesu Krestu.

4 Le ncwadi ke ndinibhalela ukuze sonwabe ngokupheleleyo sonke.

UThixo ukukukhanya

5 Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.

6 Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.

7 Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.

8 Xa sithi asinasono siyazikhohlisa, asinanyani mpela.

9 Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.

10 Kanti xa sithi asizange sone, simenza ixoki uThixo, yaye nelizwi lakhe alikho kuthi.