Kubongozwa uSirayeli
1 Khanibuye kaloku, maSirayeli;
buyelani *kuNdikhoyo, kuThixo wenu.
Kaloku niwile ngenxa yezono zenu.
2 Thathani la mazwi nibuyele kuNdikhoyo,
nithethe naye nithi:
“Sixolele bonke ubugwenxa bethu,
uze wamkele okulungileyo;
endaweni yeenkunzi zeenkomo sinikela kuwe ngamazwi emilebe yethu.
3 Akanakusisindisa uAsiriya;
asiyi kukhwela mahashe emfazwe.
Asiphindi sithi: ‘Thixo wethu,’ entweni esiyenze ngokwethu,
kuba kukuwe apho inkedama ifumana inceba khona.”
4 “Ndiza kukunyanga ukunxaxha kwabo,
ndibavave ngesisa sothando,
kuba kaloku andisabaqumbelanga.
5 KuSirayeli ndoba njengombethe,
atsho aqhakaze njengenyibiba,
endele azike emhlabeni,
afane nomsedare waseLebhanon.
6 Amasebe akhe aya kunaba,
abe nomkhitha njengomnquma,
aqhole njengomsedare waseLebhanon.
7 Abaphila phantsi kwephiko lakhe
baya kuchuma njengengqolowa,
badubule njengediliya,
badume njengewayini yaseLebhanon.
8 Efrayim, andinanto yakwenza *nezithixo.
Ndim osabelayo akukhathalele;
ndifana nompayini ohlal’ uluhlaza.
Kungenxa yam uneziqhamo nje.”
Umqukumbelo
9 Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto;
oqaphelayo uya kukwazi oku.
Iindlela *zikaNdikhoyo zithe ngqo.
Ke amalungisa ahamba ngazo;
ke bona abakreqi ziyabakhubekisa.