USirayeli uyakhohlisa
1 USirayeli wayenjengomdiliya othe xazalala,
ovelisa iziqhamo ngexesha lazo.
Kanti ngokwanda kwezo ziqhamo
wenjenjalo nokwandisa amaqonga.
Ngokwanda kwenkqubela yelizwe
wenjenjalo ukuzihombisa neentsika zakhe.
2 Intliziyo yabo iyinkohliso!
Ngoku baza kuvuna leyo bayilimileyo.
*UNdikhoyo wowadiliza amaqonga abo,
azisiphule ezo ntsika zabo.
3 Kaloku ngoku baza kuthi:
“Thina asinaye ukumkani,
kuba kaloku asimhloneli uNdikhoyo.
Ukuba besinaye ke,
angasenzela ntoni ukumkani?”
4 Ewe, bathetha amazwi alambathayo;
benza izibhambathiso zelize;
bangena kwiminqophiso ephuthileyo.
Suka ke ukubambana kwabo ezinkundleni
kwafana nokhula oluyityhefu
oluhluma emasimini alinyiweyo.
5 AbaseSamariya ke bayangcangcazela
ngenxa yethole laseBhetaven.
Abemi bakhona botsho ngesijwili;
nababingeleli balo baya kulililela
ngenxa yokutshitsha kwesidima salo.
6 Loqweqwediselwa eAsiriya;
liya kuba ngumrhumo kukumkani uYarebhi.
UEfrayim uya kuhlaziswa,
uSirayeli abe neentloni ngecebo lakhe.
7 Ukumkani waseSamariya wonqanyulwa;
wothi shwaka ngathi luluthi emanzini.
8 Asisathethi ke ngamaqonga asezindulini,
kuba wona aya kutshatyalaliswa.
Angundoqo wesono sikaSirayeli.
Kokhula ameva kunye nenkunzane,
atsho angabonakali amaqonga abo.
Ngoko bosuka bathi ezintabeni:
“Siweleni, nisifihle!”
ezindulini bathi: “Sigqumeleleni!”
9 Kusukela kwimihla yaseGibheya
uthe rhoqo ukona, Sirayeli.
Ewe, awushenxanga kulo mkhwa.
Kwenzeka ntoni na eGibheya?
Andithi bagutyungelwa yimfazwe?
10 Ndosuka ndibohlwaye abanxaxhayo,
nditsho olu hlanga lonayo.
Izizwe ziya kuluhlanganyela;
ewe, zona ziya kulukhonkxa ngesi sono siphinda-phindeneyo.
11 UEfrayim yena nqwa nethokazi lenkomo –
nditsho ithokazi eliqeqeshiweyo,
elo libhula ngentumekelelo.
Ke ndolifaka edyokhweni,
ndiyibeke kuloo ntamo yalo.
Ewe, ndomqhuba uEfrayim,
uJuda ndimfake ekulimeni.
Ewe, uYakobi uza kuyerha.
12 Khanizihlwayelele ubulungisa,
nixhamle iziqhamo zobubele.
Ewe, khaniwukhubele umhlaba.
Eli lixesha lokufunana noNdikhoyo,
ade ke yena afike,
anithululele amathamsanqa.
13 Kambe ke nihlwayele inkohlakalo,
naza ke navuna kwayona.
Nizixhamle iziqhamo zokukhohlisa.
Kaloku suka nakholosa ngobugorha benu,
naqamela ngobuninzi bamajoni.
14 Anikho sisidube-dube semfazwe;
zonk’ iinqaba zenu zotshatyalaliswa
njengoShalman mhla ngedabi,
mini wavuthulula iBhetarbhele,
abadlezana bagileka bawa
neentsana zathi geqe phaya.
15 Bantundini baseBhetele, nakuni kuya kuba njalo
ngenxa yobukhulu benkohlakalo yenu.
Ewe, ukuthwasa kwaloo mini
ukumkani kaSirayeli wotshabalala.