UHOSIYA 4

UNdikhoyo umangalela uSirayeli

1 Hoyina; hoyina, maSirayeli!

Phulaphulani ilizwi *likaNdikhoyo!

Kaloku uNdikhoyo unesikhalazo,

umangalela abemi beli lizwe:

“Akukho tu ukunyaniseka nokuthembeka;

akazelwe nto uThixo kweli lizwe.

2 Intw’ ekhoyo kukuqalekisa,

ukuxoka, ukubulala, ukûba, nokukrexeza.

Kugquba ubugebenga;

igazi liphalala liphalele.

3 Ngenxa yoko ilizwe lingumqwebedu,

nabo bonke abemi balo bayankolonkoza,

ngokunjalo oozilwanyana noozintaka;

nkqu neentlanzi elwandle phaya ziyafa.”

UNdikhoyo umangalela ababingeleli

4 “Akafumani amangalelwe umntu,

asuke nje atyholwe ngomnye,

kodwa mna ndiza kuwamangalela amawenu, mbingelelindini!

5 Ùza kukhubeka uwe emini wena,

nomshumayeli akhubeke awe kunye nawe ebusuku;

ewe, nkqu nonyoko ndomcim’ igama.

6 Kaloku abantu bam bayatshabalala

ngenxa yokuswela ulwazi ngam.

“Kaloku uyalubukula ulwazi ngam;

nawe ke ndiyakukhiqa kububingeleli bam.

Wena uwutyeshele umthetho woThixo wakho;

andiyi kubakhathalela ke noonyana bakho.

7 “Okukhona baye besanda ababingeleli,

kokukhona kwandayo nokundona kwabo.

Ke lona olo dumo lwabo ndolujika lube lihlazo.

8 Bona batya ngezono zabantu bam;

eyona nto bayifunayo kukuba makwenziwe ubugwenxa.

9 Ngoko ke mna ndobopha ngentamb’ enye,

ndingakhethi mntu nambingeleli,

ndibohlwaye bonke ngenxa yeendlela zabo,

ndibabuyekeze ngenxa yeentlondi zabo.

10 Boba ngatya, banganeli noko;

boba ngahenyuza, bangandi kodwa;

kuba bakuyekile ukumphulaphula uNdikhoyo,

11 basuka bazilahlela ekuhenyuzeni.”

UNdikhoyo ukhalazela unqulo-zithixo

“Entsha nendala iwayini iyithimba kuthi tu ingqondo

12 yabantu bam.

Bade babuzise nakumfanekiso womthi;

bafun’ ukutyhilelwa nayintonga yembala.

Kaloku balahlekiswa ngumoya wobuhenyu;

bakrexezile bamlahla uThixo wabo.

13 Benz’ amadini kwiincopho zeentaba,

baqhumisele ezindulini,

phantsi kwemioki, iipampiri, nemiterebhinte,

apho kukho imithunzi epholileyo.

Zisuke ke iintombi zenu zihenyuze;

basuke oomolokazana bakrexeze.

14 “Andiyi kuzohlwaya iintombi zenu, nakuba zingenwa luhenyuzo nje,

ngokunjalo noomolokazana benu, noba bangade bakrexeza,

kuba namadoda ngokwawo ayahenyuza,

enza iminikelo kunye

namahenyukazi asezindlwini zonqulo-zithixo.

Awu, bantundini bangaqondiyo, anikho yintshabalalo!”

USirayeli unenkani

15 “Nangona ukrexezanje, Sirayeli,

uJuda yena makangazibizeli ityala.

Mus’ ukuya eGiligali, Juda,

ungayi naseBhetaven,

ungenzi zifungo zilambathayo,

usithi: ‘Ekho nje uNdikhoyo!’

16 “Hayi, kamb’ iinkani zakhe uSirayeli, nqwa nethokazi elidlokovayo!

Ke uNdikhoyo angamalusa njani okwetakane edlelweni?

17 UEfrayim uthene nca nezithixo.

Suka, myeke enjalo!

18 Zithi zingahlutha yiwayini iinkokheli

zisuke zingene ekuhenyuzeni;

ndaweni yokukhusela zikheth’ ihlazo.

19 UEfrayim wosuka aphephetheke nomoya,

amadini akhe amzisele ihlazo.”