UHOSIYA 2

1 Nize nithi kubanakwenu: ‘Bantubam,’ koodade benu nithi: ‘Nonceba.’ ”

Ukunganyaniseki kwamaSirayeli

2 “Thethani nonyoko nimmangalele.

Kaloku akasemfazi wam;

nam ke andindoda yakhe.

Yitshoni ahlukane nobuhenyu bakhe,

akuyeke ukukrexeza akutsala ngamabele akhe.

3 Kungenjalo ndomhluba abe ze,

abe njengamhla wazalwa.

Ndomenza abe njengentlango,

abe matwa nelo libharhileyo,

ndimbulale ngonxano.

4 Andiyi kuba nanceba kubantwana bakhe;

kaloku ngabantwana bobuhenyu.

5 Unina usuke wahenyuza;

lowo ubazeleyo wenze okuziintlondi.

Kaloku yena wathi:

‘Ndiya kulandelana nezithandwa zam

ezindinik’ ukutya namanzi,

uboya nelinen,

amafutha kunye nesiselo.’

6 Ndosuka ndimbiyele ngobobo;

ndomakhel’ udonga ndimvingcele,

athinteleke kwindlela ahamba ngayo.

7 Wosukelana nezithandwa zakhe,

phofu angaze azifumane.

Uya kuba ngafuna-funa

ibe yinqaba ukuzifumana,

ade asuke athi:

‘Mandibuyele kwindoda yam yokuqala;

kwakubhetele ngoko kunangoku.’

8 Kaloku yena akaqondi

ukuba yayindim omnikayo

ingqolowa newayini namafutha,

ndimvava ngesiliva negolide,

waza wanqula *uBhali ngayo.

9 Ngoko ke ndoyihlutha

ingqolowa ngexesha layo,

newayini ngethuba elimisiweyo;

ewe, ndomhlutha uboya kunye nelinen,

izinto afihla ubuze bakhe ngazo.

10 Ndosuka ke mna ndilityhile ihlazo lakhe

phambi kwezithandwa zakhe,

angahlangulwa bani kum.

11 Ndoyinqamla imibhiyozo yakhe –

nditsho amatheko enyanga entsha,

kananjalo *nawoMhla wokuPhumla –

yonke imisitho yakhe emisiweyo.

12 Ndoyibharhisa imithi yediliya nekhiwane,

le athi yena ukuyibiza:

‘Ngumvuzo endiwunikwe zizithandwa zam.’

Ndoyenza ibe lihlathi,

idliwe ziinyamakazi zasendle.

13 Ewe, ndiya kumohlwaya

ngenxa yemihla awayenqula uBhali

emenzela iziqhumiso,

ezihombisa ngamaso nemisesane,

esukelana nezithandwa zakhe,

esuke wandilibala ke mna.”

Lowo ke ngumlomo *kaNdikhoyo.

UNdikhoyo ubuyisela abantu bakhe kuye

14 “Ndosuka ke mna ndicenga-cengane naye;

ndomthundezela entlango,

ndithethe naye kakuhle.

15 Ukususela apho ndombuyisela izidiliya zakhe,

yona iNtili yeAkorendiyenze ibe lisango lethemba.

Yena uya kundamkela,

azinikezele kum njengakwimihla yobutsha bakhe,

mhla waphuma kwelaseJiputa.

16 “Ngaloo mini wondibiza uthi: ‘Myeni wam,’

ungabi sathi: ‘Bhali wam.’”

Utsho umlomo kaNdikhoyo.

17 “Ndosusa kwa-amagama athi: ‘Bhali,’

angabi sabikho emlonyeni wakhe,

angabi saphinda akhunjulwe.

18 Ngaloo mini ndobenzela umnqophiso

namarhamncwa asendle,

kunye neentaka zezulu,

nezinto ezirhubuluza emhlabeni.

Isaphetha nekrele nemfazwe

ndozinqamla kweli hlabathi,

ukuze konke nje kube luxolo.

19 Ndiya kukungeja, ndimanyane nawe ngonaphakade;

ewe, ndokungeja ngobulungisa nangokusemthethweni,

ngokunyaniseka nangenceba.

20 Ndokumanya nam ngentembeko,

khon’ ukuze undazi mna *Ndikhoyo.

21 “Ngaloo mini ndophendula;

ndowaphendula amazulu,

nawo awuphendule umhlaba.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

22 “Nawo umhlaba uya kuphendula,

uvelise ingqolowa newayini namafutha,

zona eziyimpendulo kwiYizereli.

23 Ndozihlwayelela yena emhlabeni,

ndimenzele inceba lowo bekusakuthiwa nguAkenzelwanga-nceba.

Kwabo kuthiwa: ‘Asibantu bam,’

ndiya kuthi: ‘Ningabantu bam,’

bona bathi kum: ‘Wena unguThixo wethu.’ ”