UJEREMIYA 45

Ilizwi likaNdikhoyo kuBharuki

1 La ngamazwi *omshumayeli uJeremiya awawabhekisa kuBharuki unyana kaNeriya ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda,xa uJeremiya wayewabizela uBharuki amazwi akhe, yena ewabhala encwadini. Athi:

2 “Utsho *uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngokubhekisele kuwe Bharuki, ukuthi:

3 Wena wakhala usithi: ‘Hayi umntu endinguye! UNdikhoyo usuke wongezelela isingqala kwintlungu yam. Ndiqobekile zizincwino; andifumani kuphumla.’

4 “Utsho ke uNdikhoyo kuwe, Bharuki, ukuthi: ‘Oko ndikwakhileyo ndobuya ndikudilize, ndibuye ndikuncothule noko ndikutyalileyo. Kuya kuba njalo ke emhlabeni wonke.

5 Wena uzifunela izinto ezinkulu; ziyeke, ungabi sazifuna, kuba mna ndiza kubahlisela ishwangusha bonke abantu.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo, yena othi: ‘Nokuba kwenzeka ntoni apho uya khona, akuyi kulahlekelwa bubomi bakho.’ ”