Isigwebo sokumkani wakwaJuda
1 Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Yiya ebhotwe lokumkani wakwaJuda, khona uthethe eli lizwi uthi:
2 ‘Libekele indlebe ilizwi likaNdikhoyo, kumkani ohleli esihlalweni sikaDavide – nditsho wena, namaphakathi akho, kwakunye nabantu abangena ngala masango.
3 Utsho uNdikhoyo ukuthi: Gwebani ngobulungisa, okhuthuzwayo nimsindise kubabandezeli. Abangeneleli neenkedama nabahlolokazi ze ningabaphathi kakubi okanye nibacinezele. Igazi elingenatyala malingaze liphalazwe kule ndawo.
4 Xa ke nithe nayenza ngocoselelo loo nto ndiniyalela yona, kuya kuhlala kubakho ookumkani esihlalweni sikaDavide. Abayi kuyeka ukungena ngamasango eli bhotwe bekhwele iinqwelo zamahashe kunye namahashe, bephahlwe ngamaphakathi nabantu babo.
5 Kodwa xa ningayithobeli le miyalelo, ndiyafunga, ndithi le ndawo niya kuyibona selingamanxiwa.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
6 Kaloku, xa athetha ngebhotwe lokumkani wakwaJuda, utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Nakuba nje kum unjengeGiliyadi
nanjengencopho yeLebhanon,
ndosuka ndikutsho ube ngumqwebedu wenkangala,
ube ziidolophu ezingenabemi.
7 Ndikuthumela abatshabalalisi
abofika elowo ephethe izikhali zakhe,
bayigecele phantsi loo misedare iligugu lenu,
bayiphose emlilweni.
8 “Abahambi abadlula kwesi sixeko bevela kwizizwe ngezizwe bobuzana, bathi: ‘Kwathini ukuze uNdikhoyo enze into enje kwesi sixeko singaka?’
9 “Ke kothiwa: ‘Kaloku bawutyeshela umnqophiso noNdikhoyo uThixo wabo, baqubuda koothixo bambi aba bantu, babakhonza.’ ”
Udaba olungokumkani uJowazi
10 Musani ukumlilela ukumkani ofileyo,
ningazili kuba selengasekho,
koko lilelani lowo uthinjwayo, nigixe,
kuba kaloku yena akasobe abuye,
engasobe abuye alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.
11 Kaloku malunga noShalumunyana kaJosiya owaba ngukumkani endaweni kayise, noselemkile kule ndawo, uNdikhoyo utsho ukuthi: “Akayi kube abuye.
12 Uya kufela kuloo ndawo athinjelwe kuyo; akasobe abuye alibone eli lizwe.”
Udaba olungokumkani uJoyakim
13 “Mawoo kulowo uzakhela ibhotwe ngeendlela zobuqhophololo,
namagumbi aphezulu ngobumenemene,
esetyenzelwa simahla ngamawabo,
engawaniki mvuzo ngokubulaleka kwawo.
14 Uthi: ‘Ndozakhela ipomakazi lebhotwe
elinoobhazabhaza bamagumbi aphezulu abethwa ngumoya.’
Ulakha lineefestile,
aliqukumbele ngamaplanga omthi womsedare,
alihombise ngembola.
15 Ngaba ukumkani ngukumkani ngokugqitha abanye ngokuzakhela ngomsedare?
Uyihlo wayesidla asele.
Wayelilungisa engenamkhethe,
waza waba nempumelelo kwinto yonke.
16 Wayeyibonelela imeko yamahlwempu neembedlenge,
waza kuyo yonke loo nto waba nempumelelo.
Kunjalo ke ukwazana nam.”
Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.
17 “Kodwa wena into ojonge kuyo ngomxhelo wonke
kukufumana inzuzo ngobuqhophololo,
ngokugwinta abantu abangenatyala,
nokucinezela abantu bakho ubacudisa.”
18 Utsho ke ngoko uNdikhoyo ngoJoyakimunyana kaJosiya, ukumkani wakwaJuda, ukuthi:
“Akayi kuzilelwa bani xa afileyo;
akukho uya kuthi: ‘Yini, mntakwethu! Yini, dade wethu!’
kungekho noya kumlilela esithi: ‘Yini, nkosi yam! Yini, mhlekazi!’
19 Uya kungcwatywa okwedonki,
arhuqwe aye kulahlelwa ngaphandle kwamasango eJerusalem.”
Udaba ngekamva leJerusalem
20 “Nyuka iLebhanon, ugxwale apho.
Danduluka eBhashan, ukhale phezu kweentaba zaseAbharim,
kuba boyisiwe bonke abathandana nawe.
21 Ndakulumkisa usemi kakuhle,
kodwa wena wathi: ‘Ngunotshe!
Soze ndikuphulaphule!’
Yinto oqhel’ ukuyenza leyo kwasebutsheni bakho;
akuzange wavuma ukulithobela izwi lam.
22 Onke amahlakani akho aya kuphetshethwa ngumoya,
abathandana nawe basiwe ekuthinjweni,
uphoxeke, uhlazeke, ngenxa yamanyundululu akho.
23 Wena othe zava entabeni yaseLebhanon,
ondlu yakho yakhelwe emisedareni,
useza kugcuma wakufikelwa yinimba,
utsho uzibhija-bhije okomfazi olunywayo.”
UThixo ugweba uJoyakin
24 Utsho umlomo *kaNdikhoyo ukuthi: “Ndiyafunga, ndithi kuwe, Koniya,nyana kakumkani Joyakim wakwaJuda, nokokuba ubungumsesane endiwunxibe emnweni wesandla sam sokunene, bendiya kukukhulula,
25 ndikunikele esandleni sabo uboyikayo bazungula ubomi bakho, nditsho ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli nabantu bakhe amaKaledi.
26 Ndiza kukuthatha kunye nonyoko, ndiniphose kwilizwe lasemzini, nifele apho.”
27 Kaloku abasobe babuyele kwilizwe lakowabo abalilangazelelayo.
28 Kutheni uKoniya engodelekileyo, efana nengqayi etyumkileyo, into engafunwa bani? Kutheni selelahlwa ephoswa kwilizwe angalaziyo yena kunye nentsapho yakhe?
29 Mhlaba; mhlaba! O, hayi, lo mhlaba!
Phulaphula! Nali ilizwi likaNdikhoyo!
30 Utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Lo mfo mbaleleni ekuthini ungongenanzala,
into engayi kuba nankqubela lo gama isekhoyo.
Nakwinzala yakhe akukho bani uya kuba nempumelelo,
kungekho namnye oya kuhlala esihlalweni sikaDavide, alawule kwaJuda.”