Ukumiselwa kukaKoreshi
1 Wenjenje *uNdikhoyo ukuthetha
nomthanjiswa wakhe uKoreshi,Kwiincwadi zesiNgesi kuthiwa nguSirasi
amthe jize ngegunya namandla oloyiso jikelele,
khon’ ukuze avuthulule ookumkani,
avulelwe zonke iingcango,
angathintelwa ngamasango esixeko:
2 “Ndim ngokwam oya kukutshayelela;
iinduli neentaba ndosuka ndizilebele,
amasango enziwe ngobhedu ndiwakroboze,
nemivalo yentsimbi ndiyivuthulule.
3 Ndokunika ubutyebi obunqatyisiweyo;
ewe, obugcinwe kwiindawo ezifihlakeleyo.
Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo kaSirayeli;
ngenene ndim okubize ngegama.
4 Ngenxa yesicaka sam uYakobi,
nditsho uSirayeli endimnyulileyo,
ndikubize ngegama,
ndakuthi jize ngesihomo nesithozela,
nangona wena ungandazi nje.
5 “Ndim uNdikhoyo; akukho Thixo wumbi.
Ndiya kukuxhobisa utsho uqine
nangona wena ungandazi.
6 Le nto ndoyenza ukuze baqonde bonke,
bazi emhlabeni wonke jikelele,
baqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo,
bazi ukuba akukho Thixo wumbi.
7 Ndikudalile ukukhanya,
kanti ke nobumnyama;
ivela kum impumelelo,
ngokunjalo neshwangusha;
ndim mna Ndikhoyo ozenzayo ezi zinto.
8 Ndokuthobela ulungelelwano lune njengemvula,
ke wona umhlaba uya kulwamkela
kutsho kuthi qhakra inkululeko nobulungisa.
Ndim mna Ndikhoyo unobangela wezi zinto.”
NguNdikhoyo kuphela iNkosi
9 Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!
Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?
Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”
Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?
10 Umntwana angamkhalazela na uyise nonina,
athi: “Nindizalele ntoni?”
11 *UNdikhoyo, uThixo oYedwa kaSirayeli,
umdali wakhe, uthi:
“Ningathini na ukundithethisa ngekamva,
nindinkqangise ngabantwana bam,
nide nindixelele ngemfanelo yam?
12 Ndim owalenzayo ihlabathi;
ndim owadala uluntu kulo;
ngezam izandla ndawatwabulula amazulu;
ndiyayilawula inyambalala yawo.
13 Ngobulungisa bam ndim oxhokonxe uKoreshi;
ndoyityeneneza indlela ayihambayo.
Isixeko sam iJerusalem wobuya asivuse;
uza kubakhulula abantu bam abathinjiweyo.
Loo nto woyenza ngaphandle kwembuyekezo;
kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla-onke.”
14 KuSirayeli utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Ubutyebi beJiputa neKushe bobákhó,
iingxilimbela zaseSebha ngamakhoboka akho.
Zona ziza kulandela zikhonxiwe;
zokhahlela kuwe zivuma zisithi:
‘Nini kuphela abanoThixo;
akukho wumbi.’ ”
15 Thixo kaSirayeli, uyabahlangula abantu bakho;
wena unguThixo ofihlakeleyo.
16 Abaqingqi *bemifanekiso basehlazweni;
ngenene ke bona bonyoshoza bephoxekile.
17 Ke yena uSirayeli wahlangulwa nguNdikhoyo;
olwakhe usindiso lohlala luhleli;
yena akasoze ahlazeke aphoxeke nanini nanini.
18 UNdikhoyo nguye umdali wamazulu;
ngenene nguye oyena-yena Thixo.
Ihlabathi eli labunjwa nguye;
walenza waza walizinzisa.
Akalenzanga laba ngumqwebedu obharhileyo;
walenzela ukuze limiwe luluntu.
Yena ke uthi: “Ndim uNdikhoyo;
akukho Thixo wumbi.
19 Ewe, mna andithethanga ekusitheleni,
nenjongo yam andizange ndiyifihle.
Mna andiyixhamlanga indlu kaYakobi,
ndingatshongo nokuba mayindifune enkqantosini.
NdinguNdikhoyo; mna ndiyayithetha inyaniso,
mna ndiyakuvakalisa oko kuqinisekileyo.
20 “Qokelelanani, nonke zizwe;
nditsho nina, mingqandanda esindileyo.
Yizani kaloku nizokuxoxa,
bantundini bazizityhakala ezingazi nto,
nina batyethe imifanekiso yomthi,
nina banqula *oothixo abangento yanto.
21 Yizani kuxoxa enkundleni;
mabathetha-thethane abamangalelwa.
Ngubani owayixela kwamandulo le nto?
Ngubani owayivakalisa ingekenzeki?
Asindim na Ndikhoyo?
NdinguThixo osindisayo, olilungisa;
ngaphandle kwam akukho Thixo.
22 “Khangelani kum nisindiswe,
nina zizwe zehlabathi liphela.
Kaloku ndim uThixo, akukho wumbi.
23 Ngenene ndiyafunga,
yaye esam isifungo sinyanisekile;
ewe, sona soze siguquke:
Zonk’ iintlanga zokhahlela kum,
zifunge ukuba zondithobela.
24 Zovuma zithi: ‘KukuNdikhoyo kuphela ukuzuzwa kosindiso namandla.’ ”
Ke bona abamthiyileyo bohlazeka.
25 Kodwa ngenxa kaNdikhoyo yonk’ inzala kaSirayeli yogwetyelwa
ize imdumise.