UISAYA 34

Ukohlwaywa kwezizwe

1 Sondelani, zizwe, niphulaphule;

inzwi kaloku nakuni, zintlanga.

Maliphulaphule ihlabathi nenzaliseko yalo;

ihlabathi nemveliso yalo yonke malimamele.

2 Kalok’ *uNdikhoyo ulwa nazo zonke izizwe,

uxabene nayo yonk’ imikhosi yazo.

Wozibhubhisa xa zizonke,

zonke azixhaxhe kuphele.

3 Izidumbu aziyi kungcwatywa;

zothi xakalala ziqungquluze – mh-mh-mh!

Iintaba zonyepha ligazi labo.

4 Iinkwenkwezi nemikhosi yazo zonke zosuka zisumke zinyamalale;

isibhakabhaka sosongwa ngathi ngumqulu,

iinkwenkwezi zivuthuluke okwamagqabi,

zitshaze ngathi ngamagqab’ omdiliya nomkhiwane.

5 Emazulwini umkhonto wam uxhaphile;

nanko usihlela e-Edom,

abantu abagwetyw’ intshabalalo.

6 Umkhonto kaNdikhoyo wodad’ egazini;

ewe, utsho waxhapha ngamanqatha

ngathi ligazi lamatakane neebhokhwe,

namanqatha ezintso zenkunz’ egusha.

EBhozera uNdikhoyo uya kwenza idini;

ewe, yoba ngamatyadidi kwaEdom.

7 Abantu baya kuwa njengenqu;

bafane neenkunzi ezindala nezingamathole.

Umhlaba uya kufuma ligazi,

nothuli lunyephe ngamafutha.

8 Ngemini yakhe uNdikhoyo wophindezela,

unyaka wembuyekezo ngenxa yeZiyon.

9 Imilamb’ e-Edom yoba mnyama,

umhlaba ufane nesalfure;

umhlaba wofana netha evuthayo.

10 Wodangazela imini nobusuku,

umsi utsho ngomlembelele othunquzayo,

kube zizizukulwana ngezizukulwana libharhile,

kungaze kunqumle mntu khona,

11 ilizwe limiwe sisikhova nesihulu-hulu,

limiwe ngookhwalimanzi namahlungulu.

UThixo wolibharhisa kwakhona elakwaEdom,

libe njengelamandulo kungekadalwa nto.

12 Sobe kubekho kumkani ulawulayo;

izinxiba-mxhaka zophel’ emehlweni.

13 Izakhiwo zomila ameva nobobo,

iinqaba zambathwe lutshungu nesinama.

Yoba sisikhululo soodyakalashe,

ibe likhaya lezikhova.

14 Koba lapho angqungqa khona amarhamncwa,

zikhwazane khona neendimoni.

Yoxhwarha khona nerhorho yobusuku,

izula-zule iphathe kuphumla.

15 Isikhova siya kwakha sizalele khona;

zofukama zide ziqandusele,

ziwakhulisele khona amathole azo.

Oontloyiya boqokelelana bonwabisane khona.

16 Khangela encwadini kaNdikhoyo ufunde:

Kwezi zilo akukho singekhoyo,

kungekho nesingenaqabane laso,

kuba lowo ngumlomo kaNdikhoyo,

nguMoya wakhe oya kuziqokelela.

17 Isekwanguye oya kuzabela

azinike inxaxheba ngazinye ngazinye.

Elo yoba likhaya lazo naphakade,

zime khona izizukulwana ngezizukulwana.