Thembelani kuNdikhoyo
1 Kunyembelekile kwabo babhenela kuncedo lweJiputa;
nditsho abo bathembela kumahashe,
abo bakholosa ngeenqwelo eziyinyambalala,
nabaqamele ngobukroti bamajoni,
nditsho amajoni amahashe,
abantu abangamjongele nto uYedwa kaSirayeli,
nditsho abangasifuniyo isiluleko *sikaNdikhoyo.
2 Ukanti yena sisilumko, angasivulela nesithwakumbe;
ewe, elakhe ilizwi alidliwa nja!
Koko wosuka ayivukele indlu yezikhohlakali,
abohlwaye abancedisana nabenzi bobubi.
3 La maJiputandin’ asiThixo, koko ngabantu,
namahashe awo asimhlola, koko zizilwanyana.
UNdikhoyo wothi angaphakama ibe ziziqwenga,
ke yena umncedisi atsho akhubeke,
aze ke yena umncedwa awe bhaxa,
bonke bavuthuluke batshabalale.
4 UNdikhoyo uthethe nam wenjenje:
“Abelusi bangafanelana beqobisa ngemikhwazo,
kodwa ngunotshe ukuba bayothuse ingonyama,
ingakumbi xa seyilibambile ixhoba layo.
Ngokunjalo nam ke akukho bani unokundinqanda
ekuyikhuseleni kwam intaba iZiyon,
mna Ndikhoyo uSomandla.
5 Njengentaka ikhusela amathole ayo,
nam, mna Ndikhoyo onguSomandla-onke,
ndiya kwenjenjalo ukuyihlanganisela iJerusalem.
Ewe, ndoyikhusela ndiyikhulule;
ndogqitha kuyo ndiyisindise.”
6 UNdikhoyo uthethe wathi: “MaSirayeli, nonile ngokundifulathela. Ngoko ke ngoku buyani!
7 Kaloku iyeza imini apho nonke niya kulilahla eli zothe liyile mifanekiso niyiqingqe ngesiliva nangegolide.
8 “UAsiriya ke yena wofela emfazweni.
Phofu ke akayi koselwa krele lamntu:
kovela krele limbi, lisuke limngxwelerhe.
Kweso sithuba ke wosuka aswantsule,
abafana bakhe ke bona benziwe amakhoboka.
9 Injengele yakhe yosuka ingenwe bubuphaku-phaku,
nezinxiba-mxhaka zosuka zirhwaqele zoyike,
zide zibaleke zilahle kanye nayo nembasa yomkhosi.”
Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo,
Ndikhoyo lowo omlilo uvuthayo eZiyon,
omsi wamadini utsho ngomlembelele eJerusalem!