UISAYA 26

Uloyiso lwabantu bakaThixo

1 Ngelo thuba baya kumemelela bavume le ngoma kwelakwaJuda:

Asomelele ngako isixeko sethu!

Usindiso lumiselwe lwanga ziindonga neenqaba zaso.

2 Khaniwavule amasango;

vulani singene isizwe samalungisa,

isizwe esihamba ngokunyaniseka.

3 Ke wena ubathi jize ngenzolo

abo banjongo zingajika-jikiyo,

kuba behlala bekholose ngawe.

4 Kholosa *ngoNdikhoyo njalo-njalo;

kaloku yena uNdikhoyo ngumqolomba ongasoz’ uthini.

5 Yena ngumthobi wabakhukhumeleyo,

asichitha-chithe nesixeko esomeleleyo,

iindonga zidilike zibe luthuli,

6 baze abacinezelwa nabo basixovule,

ewe, basixangxathe ngeenyawo.

7 Indlela yamalungisa ngumthebelele;

wena othe ngqo uyayilungiselelanisa indlela yawo.

8 Naphakathi kwengqeqesho yakho, Ndikhoyo,

sihlala sijonge kuwe;

umnqweno neqhayiya lethu nguwe.

9 Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena;

kusasa umoya wam uyazula ufuna wena.

Xa ulohlwaya ihlabathi

abemi balo bafunda ngobulungisa.

10 Akuncedi nto ukwazelelela isikhohlakali;

kaloku sivalekile, asibuqondi ubulungisa.

Sona siyona nakwilizwe lamalungisa;

asibuvumi ubungangamsha bukaNdikhoyo.

11 Abachasi bakho, Ndikhoyo, abaqondi ukuba uyohlwaya;

bahlazise ubayekele ngeenzima.

Masibe phezu kwabo isohlwayo,

ubabonise ikhwele onalo ngabantu bakho.

12 Ndikhoyo, wena usithe jize ngenzolo

kuyo yonke imisebenzi yethu;

ewe, konke sisiqhamo sokwenza kwakho.

13 Ewe, Ndikhoyo Thixo wethu,

nokuba besingade silawulwe ngabanye

kodwa thina sikhahlela kuwe.

14 Ngoku ke bafile, kuphelil’ okwabo;

ewe, bona soze babuye bavuke.

Kaloku wena ubavelele ngentshabalalo;

usuke wabaphosa kwelokulibala.

15 Usikhulisile isizwe sethu, Ndikhoyo,

wayongeza okunene nemida yesizwe.

Ngoko ke uzuze isihomo nesithozela.

16 Beza kuwe ekuxakekeni kwabo;

uthe ke wakubohlwaya, Ndikhoyo,

suka bakhala bazibika kuwe.

17 Ewe, usitsho sanga ngumfazi,

nditsho ojutyalaziswa yinimba

lakuba lifikile ixesha lakhe,

nathi ke sitsho sajubalaza sapena-pena

18 phambi kwakho, Ndikhoyo.

Suka saphithizela ngathi siyalunywa,

phofu kuthe kanti yigalimoya.

Kaloku asiluhambisanga usindiso;

asibandisanga abantu emhlabeni.

19 Abangasekhoyo bakho, Ndikhoyo,

bona bobuya bavuke;

kuya kuvuka bona ngenkqu, badle ubomi –

nditsho bonke abalinde emadlakeni,

bothi khwaphululu batsholoze ngemincili.

Njengombethe unyephisa umhlaba

uNdikhoyo ke uya kwenjenjalo

ukubavusa abo basishiya mandulo.

20 Ngenan’ emagumbini enu, bantu bam;

ewe, ngenani nizivalele kaloku,

nikhe nizifihle okomzuzwana nje,

ide ithothe le ngqumbo yakhe.

21 Kaloku uNdikhoyo yena uyeza;

wosuka aphume ekhayeni lakhe,

aze kubohlwaya abemi behlabathi,

kuba kaloku bona basuke bona.

Nomhlaba ngokwawo wosuka uthethe

uwaxele amagazi aphalele kuwo;

wosuka ubaveze abo babulawayo.