UISAYA 18

Ukohlwaywa kweKushe

1 Kunyembelekile ke kwilizwe lesandi samaphiko

emazants’ emilambo eKushe.

2 Likhuph’ izigidimi ngezikhitshana ezakhiwe ngeengcongolo, zidad’ emlanjeni.

Tsheluzani, zigidim’ ezikhawulezayo;

luthathen’ udaba nigoduke nalo,

luye kwilizwe eliphanjwe yimilambo,

kwisizwe esingwanzilili esinamandla,

amafaf’ alusu lumpuluswa,

izintw’ ezoyikwa lilizwe jikelele.

3 Bekan’ iindlebe, bemi behlabathi!

Jongani, nikhangel’ imbasa

ilenga-lenga phezu kweencopho zeentaba;

phulaphulan’ isandi sesigodlo.

4 Kalok’ *uNdikhoy’ undixelele wathi:

“Ndiya kuthi zole cwaka, ndijonge;

ndoqwalasela ndisekhayeni lam ezulwini,

ndizole ngathi kukuwa kombethe ebusuku,

cwaka ngathi lilanga ligqats’ ubhobhoyi.”

5 Iidiliya ziya kudubula zifeze,

kodwa zithi ke zona zingekavunwa –

ewe, kanye xa ziya ekuvuthweni –

lusuke luthi vumbululu utshaba,

luwahlabanisele luwageqe amaKushe,

lula nje, ngathi kunqunyulw’ amaseb’ omdiliya.

6 Izidumbu ke zosala zithe gangalala,

zibe zizisulu zeentaka namaxhalanga.

Ewe, ziya kuba lixhoba lamarhamncwa,

iintaka zizenzele ehlotyeni –

asisathethi ke ngamarhamncwa ebusika.

7 Ixesha liyeza apho uNdikhoyo uSomandla-onke

aya kunikwa aphiwe imirhumo

ngabo balizwe liphanjwe yimilambo,

iingwanyalala zesizwe esimandla,

amafaf’ alusu lumpuluswa,

izintw’ ezoyikwa lilizwe jikelele.

Ewe, baya kuza kwintaba iZiyon,

apho anqulwa khona uNdikhoyo uSomandla-onke.