UISAYA 17

Udaba mayela neDamasko noSirayeli

1 Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neDamasko:

“Ke yona iDamasko ayisayi kuba sisixeko,

yosuka ibe ziingqumba zamabhodlo.

2 Izixeko zaseArohere zosala zize;

kuphela zosala zilidlelo lempahla,

futhi kungekho namntu uyiphazamisayo.

3 KwaSirayeli zophela izixeko ezinqatyisiweyo,

ke bona ubukumkani baseDamasko

ngokunjalo namasalela aseSiriya

oba yinto yezolo, ngathi ludumo lwamaSirayeli,”

utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke.

4 “Ngaloo mihla ubungangamsha bukaYakobi buya kuphutha,

ukutyeba kwakhe kutsho kutsame.

5 USirayeli woba ngathi yintsimi engqolowa isikwayo;

kwaSirayeli kuya kubharha kube sedizeni –

wofana namasimi entili yaseRefayim.

6 Kambe aya kuba khona amasalela.

Kuya kuba ngathi ngumnquma obhululweyo

kwasala mabini mathathu phezulu,

mhlawumbi isine nesihlanu kwahlanzayo,”

utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

7 Ngaloo mihla ke abantu baya kubhenela kuMdali wabo,

bakhangele kulowo unguYedwa kaSirayeli.

8 Abayi kuba saqamela ngamaqonga lawo bawakhe ngezandla zabo,

bengayi kuba sathembela kowabo umsebenzi –

imiqondiso yesithixokazi uAshera

kunye namaqonga okuqhumisa.

9 Ngelo thuba izixeko ezikhuselweyo ziya kusala zize, zingamabhodlo akhula imithi namatyholo, ngokungathi zizixeko ezahlaselwa ngamaSirayeli.

10 Kaloku, wena Sirayeli, umfulathele uThixo,

yena odla ngokukuhlangula;

umlibele uThixo ongumqolomba wakho;

usuke watyala imiyezo eyodwa,

khon’ ukuze unqule thixo bambi.

11 Kanti noba ingantshula idubule

kwangaloo ntsasa ubuyityala ngayo,

liya kubhek’ umoya ngasesivunweni –

kuphela yoba yinkxwaleko nezifo ezingaphele ndawo.

Ukoyiswa kwezizwe

12 Ke zona izizwe ziyabhabhama,

zitsho ngogqumo ngathi kukuyaluzela kolwandle;

ewe, uluntu luyaxokozela okwamanz’ olwandle.

13 Izizwe zingade zibe ziyabhonga,

zityhuluba okwamanz’ olwandle,

yena ukhalima kanye, zitsho zisabe;

ziphephetheka ngathi luthuli endulini,

ngathi yinkunkum’ ibalek’ isaqhwithi.

14 Ngorhatya bahlasela kutsho kunyembeleke,

kanti kusasa abaziwa nomkhondo.

Banjalo ke abo basixhaphazayo;

eso sisabelo sâbo bazithathelayo.