Udaba mayela neDamasko noSirayeli
1 Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neDamasko:
“Ke yona iDamasko ayisayi kuba sisixeko,
yosuka ibe ziingqumba zamabhodlo.
2 Izixeko zaseArohere zosala zize;
kuphela zosala zilidlelo lempahla,
futhi kungekho namntu uyiphazamisayo.
3 KwaSirayeli zophela izixeko ezinqatyisiweyo,
ke bona ubukumkani baseDamasko
ngokunjalo namasalela aseSiriya
oba yinto yezolo, ngathi ludumo lwamaSirayeli,”
utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke.
4 “Ngaloo mihla ubungangamsha bukaYakobi buya kuphutha,
ukutyeba kwakhe kutsho kutsame.
5 USirayeli woba ngathi yintsimi engqolowa isikwayo;
kwaSirayeli kuya kubharha kube sedizeni –
wofana namasimi entili yaseRefayim.
6 Kambe aya kuba khona amasalela.
Kuya kuba ngathi ngumnquma obhululweyo
kwasala mabini mathathu phezulu,
mhlawumbi isine nesihlanu kwahlanzayo,”
utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
7 Ngaloo mihla ke abantu baya kubhenela kuMdali wabo,
bakhangele kulowo unguYedwa kaSirayeli.
8 Abayi kuba saqamela ngamaqonga lawo bawakhe ngezandla zabo,
bengayi kuba sathembela kowabo umsebenzi –
imiqondiso yesithixokazi uAshera
kunye namaqonga okuqhumisa.
9 Ngelo thuba izixeko ezikhuselweyo ziya kusala zize, zingamabhodlo akhula imithi namatyholo, ngokungathi zizixeko ezahlaselwa ngamaSirayeli.
10 Kaloku, wena Sirayeli, umfulathele uThixo,
yena odla ngokukuhlangula;
umlibele uThixo ongumqolomba wakho;
usuke watyala imiyezo eyodwa,
khon’ ukuze unqule thixo bambi.
11 Kanti noba ingantshula idubule
kwangaloo ntsasa ubuyityala ngayo,
liya kubhek’ umoya ngasesivunweni –
kuphela yoba yinkxwaleko nezifo ezingaphele ndawo.
Ukoyiswa kwezizwe
12 Ke zona izizwe ziyabhabhama,
zitsho ngogqumo ngathi kukuyaluzela kolwandle;
ewe, uluntu luyaxokozela okwamanz’ olwandle.
13 Izizwe zingade zibe ziyabhonga,
zityhuluba okwamanz’ olwandle,
yena ukhalima kanye, zitsho zisabe;
ziphephetheka ngathi luthuli endulini,
ngathi yinkunkum’ ibalek’ isaqhwithi.
14 Ngorhatya bahlasela kutsho kunyembeleke,
kanti kusasa abaziwa nomkhondo.
Banjalo ke abo basixhaphazayo;
eso sisabelo sâbo bazithathelayo.