1 KUTIMOTI 1

Isingeniso 1 Kubhala mna Pawulos *umthunywa kaYesu Krestu ngokugunyaziswa nguThixo uMsindisi wethu, noKrestu Yesu ithemba lethu. 2 Ndibhalela uTimoti,unyana wam wenene ngokwaselukholweni. Ndithi: Kuwe makulawule isisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo…

1 KUTIMOTI 2

Umthandazo webandla 1 Kuqala, ndiqononondisa ndisithi: izicelo, imithandazo, izikhungo, nemibulelo, 2 mazenzelwe bonke abantu. Iinkosi nabasemagunyeni bonke mabathandazelwe, ukuze kubekho inzolo noxolo ehlabathini, sihlale ngokoyika nangokuhlonela uThixo. 3 Yinto elungileyo…

1 KUTIMOTI 3

Abakhokeli bebandla 1 Liyinene eli lizwi lithi: “Ukunqwenela ukuba yinkokheli ziinjongo ezibalulekileyo.” 2 Ngoko ke inkokheli mayibe ngumntu ongenabala; mayibe ngumntu onomfazi omnye, ozinzileyo ngengqondo, oyingcathu; abe ngonocwangco, onobubele ekhaya,…

1 KUTIMOTI 4

Abafundisi bobuxoki 1 UMoya uxela ngokucacileyo ukuba kumaxesha ezayo abanye abantu baya kululahla ukholo, balandele imimoya yenkohliso, bathobele iimfundiso zeendimoni. 2 Ezo mfundiso ziya kuza nabantu abangamaxoki, abazazela ziphawulwe ngophawu…

1 KUTIMOTI 5

Ukuziphatha komalusi webandla 1 Ungaze uthethe rhabaxa nomntu omdala kunawe. Thetha naye ngokungathi uthetha noyihlo. Abafana abanganeno kuwe bathathe njengabaninawe, 2 abafazi abadala njengonyoko. Phakathi kwabafazana ziphathe nyulu njengakoodade wenu….

1 KUTIMOTI 6

1 Bonke abantu abaphantsi kwedyokhwe yobucaka mababahloniphe ngokupheleleyo abaphathi babo, ukuze igama likaThixo kunye nemfundiso yobuKrestu zingajongelwa phantsi. 2 Naxa abaphathi bengamakholwa, izicaka mazingabadeli kuba bekholwa kunye. Ndaweni yaloo nto…