1 YEZIGANEKO 11

Ukungena kukaDavide embusweni 1 Ke kaloku onke amaSirayeli ahlanganiselana kuDavide eHebron, athi: “Mhlekazi, siyazalana; sikwaligazi lakho. 2 Phambili phaya, ngokuya uSawule ebesengukumkani, amaSirayeli ayekhokelwa nguwe xa aya emfazweni. *UNdikhoyo uThixo…

1 YEZIGANEKO 12

Abazibandakanye noDavide eZikelage 1 La ngamadoda awaya kuDavide eZikelage, ngokuya wayegxothiwe nguSawule unyana kaKishe. Yayingamanye kumajoni awayesima nawo edabini. 2 Ayexhobe ngeentolo *neenkwitshi, iinto ezidubula ngazo zozibini esokunene nesasekhohlo. Yayingamadoda…

1 YEZIGANEKO 13

Ityesi yomnqophiso ilandwa eKiriyati-yarim 1 Ke kaloku uDavide wathetha-thethana namaphakathi akhe onke, lawo aphethe amajoni aliwaka nalawo aphethe alikhulu. 2 Kananjalo wabhekisa kwibandla likaSirayeli liphelele, wathi: “Xa nibona kufanelekile, futhi…

1 YEZIGANEKO 14

Usapho lukaDavide 1 Ukumkani uHiram waseTire wathumela izigidimi kuDavide, ziphethe izibonda zomsedare, zihamba neengcibi zamatye nabachweli, ukuze bakhele uDavide ibhotwe. 2 Ke uDavide waqonda ukuba *uNdikhoyo umzinzisile wangukumkani kwaSirayeli, eqonda…

1 YEZIGANEKO 15

Ityesi kaThixo iziswa eJerusalem 1 Emva kokuba uDavide ezenzele izakhiwo kwisixeko sikaDavide, walungisa indawo yokuhlala ityesi kaThixo, waza wamisa intente ukuze ihlale kuyo. 2 UDavide wathi: “Le tyesi kaThixo ayinakuthwalwa…

1 YEZIGANEKO 16

1 Bahamba nayo ityesi kaThixo, bayibeka ngaphakathi kwintente eyenzelwe yona nguDavide, baza ke benzela uThixo amadini atshiswayo nawobudlelwane. 2 Uthe akugqiba ukwenza loo madini atshiswayo nawobudlelwane uDavide wacelela abantu amathamsanqa…

1 YEZIGANEKO 17

Isithembiso sikaThixo kuDavide 1 Akuba uDavide ezinzile kwikomkhulu lakhe wathetha *nomshumayeli uNatan, wathi: “Khangela, mna ndihlala kwibhotwe elakhiwe ngamaplanga omsedare, ukanti yona ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo ihlala nje ententeni.” 2 UNatan…

1 YEZIGANEKO 18

Uloyiso lukaDavide ezimfazweni 1 Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uDavide wawahlasela amaFilistiya wawoyisa, wayihlutha iGati namaphandle ayingqongileyo, ayabi sabakho phantsi kwamaFilistiya. 2 Ngokunjalo wawoyisa namaMowabhi, aza aba phantsi kwakhe, amnika imirhumo….

1 YEZIGANEKO 19

UDavide woyisa ama-Amon 1 Emva koko wafa ukumkani uNahashe wama-Amon, kwaza ke esikhundleni sakhe kwalawula unyana wakhe. 2 Ke uDavide wathi: “Mandimenzele ububele uHanun, unyana kaNahashe, kuba uyise wandenzela ububele.”…

1 YEZIGANEKO 20

Ukuthinjwa kweRabha 1 Ke kaloku uJowabhi waphuma nawo umkhosi wakowabo ngexesha lentlakohlaza, ithuba abadla ngokulwa iimfazwe ngalo ookumkani. Walibhuqa walivuthulula elama-Amon, waza waya kungqinga iRabha. Ke yena uDavide wayeshiyeke eJerusalem.NeRabha…