2 KASAMWELI 21

Ukubulawa kwenzala kaSawule 1 Kwabakho indlala enkulu eyathatha iminyaka emithathu ngexesha kulawula uDavide. UDavide wafuna ukuqonda *kuNdikhoyo, waza uNdikhoyo wathi: “Kungenxa kaSawule nokuphalaza kwendlu yakhe igazi mhla wababulalayo abantu baseGibheyon.”…

2 KASAMWELI 22

Ingoma kaDavide yoloyiso 1 UDavide wabhekisa lo mhobe *kuNdikhoyo mhla wamkhulula kwiintshaba zakhe nasesandleni sikaSawule. 2 Wathi: NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam. 3 Xa ndizimele ngoThixo…

2 KASAMWELI 23

Umyolelo kaDavide 1 Nanku ke umyolelo kaDavide: Utsho uDavide unyana kaJese, itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu, umthanjiswa kaThixo kaYakobi, iciko leengoma kwaSirayeli. 2 UMoya *kaNdikhoyo uthetha ngomlomo wam; ilizwi lakhe lisencakameni…

2 KASAMWELI 24

UDavide wenza ubalo 1 Wabuya wavutha umsindo *kaNdikhoyo ngakumaSirayeli, waza waxhokonxa uDavide ukuchasana nawo, esithi: “Yiya uwabale amaSirayeli namaJuda.” 2 UDavide ukumkani uyalele uJowabhi umphathi-mkhosi owayekunye naye, wathi: “Zibale zonke…