2 YOOKUMKANI 1
UEliya nokumkani uAhaziya 1 Ke kaloku emva kokusweleka kukakumkani uAhabhi, amaMowabhi amvukela uSirayeli. 2 Ke yena uAhaziya wawa efestileni yegumbi eliphezulu lendlu yakhe eSamariya, waza wenzakala. Ngoko ke wathuma abathunywa,…
UEliya nokumkani uAhaziya 1 Ke kaloku emva kokusweleka kukakumkani uAhabhi, amaMowabhi amvukela uSirayeli. 2 Ke yena uAhaziya wawa efestileni yegumbi eliphezulu lendlu yakhe eSamariya, waza wenzakala. Ngoko ke wathuma abathunywa,…
Ukunyuselwa ezulwini kukaEliya 1 Ke kaloku ngethuba lokuba *uNdikhoyo anyusele uEliya ezulwini ngesaqhwithi, uEliya noElisha babesendleleni evela eGiligali. 2 UEliya wathetha noElisha wathi: “Hlala apha wena, mna uNdikhoyo undithume eBhetele.”…
Uvukelo lweMowabhi 1 UYoram, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya kunyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaYoshafati ukumkani wakwaJuda, walawula iminyaka elishumi elinambini. 2 Ke kaloku wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; noko ke…
Amafutha omhlolokazi 1 Umhlolokazi othile, omyeni wayengomnye wabashumayeli, wakhalela uElisha esithi: “Umyeni wam ongasekhoyo, isicaka sakho, nawe uyamazi ukuba ebemhlonele *uNdikhoyo. Kambe ke ngoku engasekho umntu awayenetyala kuye ufuna ukuthimba…
Ukuphiliswa kukaNahaman 1 Ke kaloku uNahamanwayeyinjengele yomkhosi wokumkani wakwa-Aram.Yayingumfo ohlonitshwayo noxatyisiweyo nayinkosi yakhe. Kaloku kwakungaye lowo ukuze *uNdikhoyo awaphe uloyiso ama-Aram. Wayelikroti lomfo, nto nje eneqhenqa. 2 Ke iqela elithile…
Izembe liyadada 1 Iqumrhu labashumayeli lathetha noElisha lathi: “Le ndawo sihlala kuyo kunye nawe incinci gqitha, ayisilingani. 2 Masiye eJordan, ibe ngulowo nalowo azigawulele isibonda, ukuze sizakhele indawo yokuhlala khona.”…
1 UElisha waphendula wathi: “Phulaphula, nali ilizwi likaNdikhoyo! UNdikhoyo utsho ukuthi: ‘Malunga neli xesha ngomso iikhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa kananjalo neekhilogram ezintandathu zerhasi apha eSamariya zobe zithengiswa ngesiliva enye kuphela.’…
Ukubuya komfazi waseShunem 1 Ke kaloku uElisha wayethethe nalaa mfazi wayephilise unyana wakhe,wathi: “Khawuhambe uye kuzifunela indawo yokuhlala noba kuphi na apho ungayizuza khona, ze ukhe uthi chu khona okwexeshana,…
Ukuthanjiswa kukaYehu 1 *Umshumayeli uElisha wabiza omnye weqela labashumayeli, wathi kuye: “Finyeza iingubo zakho, uthathe eli qhaga linamafutha omnquma, uye eRamoti yaseGiliyadi. 2 Wakufika khona uze ukhangele uYehu unyana kaYoshafati…
Ukubulawa kwendlu ka-Ahabhi 1 Ke kaloku eSamariya kwakukho amashumi asixhenxe oonyana bendlu ka-Ahabhi. Ke uYehu wabhala iileta, wazithumela eSamariya kumaphakathi aseYizereli, nakumadoda amakhulu, nakubagcini babantwana baka-Ahabhi. Zazisithi: 2 “Ngoku ke,…