AMAVA ENGQONDI 1

Akukho nto intsha ehlabathini 1 Nanga amazwi eNgqondi, unyana kaDavide, ukumkani waseJerusalem: 2 “Ngamampunge awo amampunge;” itsho iNgqondi, “ewe, ngokupheleleyo ngamampunge; yonk’ into ngamampunge!” 3 Kumnceda ntoni umntu ukuzabalaza esebenza?…

AMAVA ENGQONDI 2

Iziyolo ngamampunge 1 Ke kaloku ndagqiba kwelithi: “Makhe ndilinge iziyolo, ndizonwabise, ndive ukuba kunjani na!” Kodwa ke ndafumanisa ukuba naloo nto ngamampunge. 2 Ukuhleka ndathi: “Bubuyatha;” iziyolo zona: “Ngaba zindizisela…

AMAVA ENGQONDI 3

Yonke into inexesha layo 1 Yonke into inexesha layo; umbandela ngamnye unethuba lawo apha emhlabeni. 2 Ukuzalwa kunexesha lako, nokufa kunexesha lako. Likho ixesha lokutyala, likwakho nexesha lokuncothula. 3 Likho…

AMAVA ENGQONDI 4

Ngubani endibulalekela yena? 1 Kwakhona ke ndathi ndakukhangela ndayibona ingcinezelo ekhoyo apha phantsi kwelanga. Awu, iinyembezi zabo bacinezelweyo; ibe ke kungekho namthuthuzeli! Ewe, akukho mntu ubathuthuzelayo, ibe ke bona abacinezeli…

AMAVA ENGQONDI 5

Isilumkiso ngezithembiso 1 Lumka, ugqale ukunyathela kwakho xa usiya endlwini kaThixo. Xa usiya khona hamba ngeenjongo zokuphulaphula endaweni yokwenza amadini njengezityhakala ezingaziyo ukuba zenza ubugwenxa. 2 Qiqa phambi kokuba uthethe;…

AMAVA ENGQONDI 6

1 Nabu obunye ububi endibubonileyo apha phantsi kwelanga, yaye buthe zinzi phezu kwabantu: 2 nditsho into yokuba umntu anikwe ubutyebi nguThixo, aze abe ngumfo omi kakuhle nohlonelwayo, ade angasweli nto…

AMAVA ENGQONDI 7

Amagqabantshintshi ngobulumko 1 Igama elihle lilungile ngaphezu kwamafutha aqholiweyo. Umhla wokufa ulungile kunomhla wokuzalwa. 2 Kungcono uye emzini onesililo kunokuya emzini onetheko, kuba kaloku ukufa sisiphelo sabantu bonke. Ngoko ke…

AMAVA ENGQONDI 8

1 Yaz’ba ngubani eso silumko singaziqondayo ezi zinto? Ngubani ongayichazayo intsingiselo yezi zinto? Kaloku ubulumko buyabuswabulula ubuso bomntu, atsho ayeke ukumatsheka. Makathotyelwe ukumkani 2 Mna ndithi mthobele ukumkani; kaloku wènze…

AMAVA ENGQONDI 9

Oko ukwenzayo kwenze ngamandla 1 Ke kaloku ndithe ndisakuwuphonononga lo mbandela ndafumanisa ukuba izenzo zamalungisa kunye nezezilumko zisesandleni sikaThixo, phofu kungekho namntu waziyo nokuba ulindelwe luthando okanye ukuthiywa na. 2…

AMAVA ENGQONDI 10

1 Iimpukane ezifileyo zingasonakalisa isiqholo sitsho sibile sinuke, ngokunjalo nentwana nje yobutyhakala ingabutshabhisa ubulumko ndawonye nesidima. 2 Intliziyo yesilumko isitsho sibe namandla; kanti ke eyesityhakala isitsho sibe buthathaka. 3 Noba…