EYEMFUDUKO 31
Amagcisa okwakha isibingelelo 1 *UNdikhoyo waxelela uMosis wathi: 2 “Uyabona ke, uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, ndimnyule. 3 Ndimzalise ngoMoya wam, ndamthi jize ngokuqonda, ubuchule, nabo bonke ubugcisa;…
Amagcisa okwakha isibingelelo 1 *UNdikhoyo waxelela uMosis wathi: 2 “Uyabona ke, uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, ndimnyule. 3 Ndimzalise ngoMoya wam, ndamthi jize ngokuqonda, ubuchule, nabo bonke ubugcisa;…
Isithixo esenziwe ngegolide 1 AmaSirayeli akubona ukuba uMosis akabuyi entabeni, asuka amgungela uAron, athi: “Senzele *uthixo oza kusikhokela. Okokwakhe yena laa Mosis wasikhupha eJiputa, asiyazi into emhleleyo.” 2 UAron wayalela…
Ukunduluka eSinayi 1 *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Hamba apha, wena nabo bonke abantu owabakhokelayo waphuma nabo eJiputa, usingise kwilizwe endabathembisa lona ngesifungo uAbraham,uIsake,noYakobi,ndisithi: ‘Loba lelezizukulwana zenu.’ 2 Ndiya kuthumela isithunywa sinikhaphe,…
Ukuhlaziywa komnqophiso 1 *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Qingqa amanye amacwecwe amatye amabini afana nalawa okuqala, ukuze mna ndiwabhale kuwo amazwi awayebhalwe kulawa wawaphulayo. 2 Ngomso kusasa uze unyuke intaba iSinayi,…
Imithetho mayela noMhla wokuPhumla 1 UMosis waliqokelela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “Nantsi imiyalelo *kaNdikhoyo: 2 iintsuku zokusebenza imisebenzi yenu zintandathu evekini, kodwa lona usuku lwesixhenxe ngumhla owodwa okhethekileyo; ngumhla kaNdikhoyo,…
1 “Ngoko ke uBhezaleli noHoliyabhi, nawo onke amagcisa anikwe ezi ziphiwo nokuqonda, anabo ubuchule bokuzenza zonke ezi zinto zifunekayo ekwakhiweni *kwesibingelelo, makazenze zonke zibe matwa nomyalelo kaNdikhoyo.” AmaSirayeli ayanikela 2…
Ukwenziwa kwetyesi yomnqophiso 1 UBhezaleli wayenza ityesi yomnqophiso ngomngampunzi. Yayiziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, zingamashumi amathandathu nantandathu ububanzi kwanomphakamo wayo. 2 Wayityabeka ngegolide ngaphandle nangaphakathi, waza ke wayiphetha kwangayo jikelele. 3…
Ukwenziwa kweqonga lamadini 1 Ke kaloku uBhezaleli wenza iqonga lamadini ngomngampunzi. Lalilingana macala, liziimitha ezimbini namashumi amabini eesentimitha ubude nobubanzi; ukuphakama kuyimitha enye namashumi amathathu eesentimitha. 2 Izibonda zalo ezikoneni…
Ukwenziwa kwezivatho zababingeleli 1 Ke kaloku ezo zivatho zingayiwayo zobubingeleli ooBhezaleli bazenza zayile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu. Ezi mpahla ke ababingeleli babezinxiba xa besebenza endaweni engcwele. Izivatho zika-Aron ke bazenza…
Ukumiselwa nokuvulwa kwesibingelelo 1 *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: 2 “Ngomhla wokuqala ngenyanga yokuqala uze umise *isibingelelo. 3 Uya kuthatha ityesi enobungqina bomnqophiso, uyifake esibingelelweni, uyivalele ngomkhusane. 4 Uze ungenise itafile,…