EYONQULO 1

Amadini atshiswayo 1 *UNdikhoyo wabiza uMosis, wathetha naye *esesibingelelweni, wathi 2 makathethe namaSirayeli athi: “Xa umntu esenza umnikelo kuNdikhoyo makawenze ngento efuyiweyo, nokuba yinkomo, nokuba yimpahla emfutshane. 3 Xa anikela…

EYONQULO 2

Umnikelo wokutya 1 “Xa kukho umntu onikela ukutya *kuNdikhoyo, makube ngumgubo. Makawudibanise namafutha omnquma, aze agalele intlaka yesiqhumiso, 2 awunikezele kubabingeleli bomlibo ka-Aron. Umbingeleli uya kukha kangangesandla kuloo mgubo, udityaniswe…

EYONQULO 3

Amadini obudlelane 1 “Xa kukho umntu onikela ngenkomo ukuba kwenziwe ngayo idini lobudlelane, loo nkomo mayibe yinkunzi okanye imazi engenasiphako. 2 Loo mntu unikelayo makabeke isandla phezu kwentloko yaloo nkomo,…

EYONQULO 4

Amadini okungxengxezela iziphoso 1 *UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba 2 makabhekise kumaSirayeli lo mlomo uthi xa kukho bani wonileyo, waphula imimiselo kaNdikhoyo engenzi ngabom, kufuneka alandele le miyalelo. 3 Xa ingumbingeleli…

EYONQULO 5

Iimeko zokucanyagushelwa ngamadini 1 Xa umntu ebizwe yinkundla ukuba anike ubungqina, aze anganiki nkcazelo ngento ayibonileyo nayivileyo, unetyala. 2 Xa umntu echukumise *into engàphathwayo, enjengesilo esifileyo, udyobhekile, unetyala, nokuba akaqondi….

EYONQULO 6

1 UNdikhoyo wathi kuMosis: 2 “Xa umntu one uNdikhoyo ngokwala ukubuyisela into ebekubanjiswe ngayo kuye ngomnye umSirayeli, okanye xa ebe into yomnye umSirayeli, okanye amqhathe, 3 okanye axoke athi akayiboni…

EYONQULO 7

Amadini entlawulo 1 Le yinkqubo ephathelele kumadini awodwa entlawulo: 2 Ixhoba lokwenza eli dini kufuneka lixhelelwe apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo. Igazi lalo malitshizwe kumacala onke eqonga. 3 Onke amanqatha…

EYONQULO 8

Ukumiselwa kuka-Aron noonyana bakhe 1 *UNdikhoyo wathi kuMosis: 2-3 “Yiya noAron kunye noonyana bakhe ekungeneni *kwesibingelelo, uphathe nezivatho zababingeleli, kunye namafutha okuthambisa, nenkunzi yenkomo yedini lokungxengxezela izono, iinkunzi ezimbini zeegusha,…

EYONQULO 9

UAron wenza amadini 1 Ngomhla wesibhozo emva komsitho womiselo lwababingeleli uMosis wabiza uAron kunye noonyana bakhe, kwakunye namadoda amakhulu akwaSirayeli, 2 wathi kuAron: “Thatha inkunzana yenkomo kunye nenkunzi yegusha ezingenasiphako,…

EYONQULO 10

Isono sikaNadabhi noAbhihu 1 UNadabhi noAbhihu, oonyana baka-Aron, elowo wathatha umcephe wakhe wamalahle, wagalela amalahle, wafaka nentlaka yesiqhumiso, bazisa phambi *koNdikhoyo. Kambe ke loo mlilo wabo wawunxamnye nomyalelo kaNdikhoyo. 2…